Isahluko 14
UIsaya uthetha ngokoMesiya—Ukuthotywa kwesidima sikaMesiya neentlungu ziyachazwa—Wenza umphefumlo Wakhe ube ngumnikelo wesono kwaye wenza uxolelwaniso lwaboni—Thelekisa noIsaya 53. Malunga 148 P.K.
1 Ewe, akatsho na naye uIsaya ukuthi: Ngubani na okholelweyo kulo udaba lwethu, kwaye ingalo yeNkosi ingaba ityhilwe kubani na?
2 Kuba uya kukhula phambi kwakhe njengegatya eli-ethe-ethe, kwaye nanjengehlumelo eliphuma kumhlaba ongumqwebedu; akanasithomo nabungangamsha; kwaye xa siya kumbona akuyi kubakho kubukeka kuye ukuba singamnqwenela.
3 Udeliwe kwaye ulahliwe ngabantu, indoda yeentsizi, kwaye uqhelene nentlungu; kwaye sanga sibusithelisile ubuso bethu kuye; wayedeliwe, kwaye thina asambeka.
4 Okwenene uzithabathele kuye iintlungu zethu, kwaye wazithwala iintsizi zethu; ke thina samcingela njengobandezelekileyo, obethwa nguThixo, kwaye nocinezelekileyo.
5 Kodwa wayehlatyiwe ngenxa yokona kwethu, wayekrazukile ngenxa yobugwenxa bethu; isohlwayo sokuba sibe noxolo saba phezu kwakhe; kwaye ngemivumbo yakhe siphilisiwe.
6 Sonke thina, njengezimvu, siphambukile; sonke elowo eguqukele kweyakhe indlela; kwaye iNkosi yamthwalisa ubugwenxa bethu sisonke.
7 Wayecinezelekile, kwaye wayebandezelekile, kanti akazange awuvule umlomo wakhe; uziswa njengemvana eya ekuxhelweni, kwaye nanjengemvu phambi kwabachebi bayo esisimumu ngoko ke akazange awuvule umlomo wakhe.
8 Wathatyathwa entolongweni nakuso isigwebo; kwaye ngubani oya kuvakalisa ngesizukulwana sakhe? Kuba wasikelwa ngaphandle waphuma kulo ilizwe labaphilayo; kuba ngenxa yokona kwabantu bam wahlaselwa.
9 Kwaye walimisa ingcwaba lakhe phakathi kwabakhohlakeleyo, nabazizityebi akuba efile; nangona engenzanga bubi, kungazange kubekho nankohliso emlonyeni wakhe.
10 Kanti ke kwayikholisa iNkosi ukumtyumza; yambeka entlungwini; xa yayibeka umphefumlo wakhe njengedini lesono uya kuyibona imbewu yakhe, uya kumandisela imihla yakhe, kwaye ukuthanda kweNkosi kuya kuphumelela esandleni sakhe.
11 Uya kuyibona imigudu yomphefumlo wakhe, kwaye aneliseke; ngolwazi lwakhe umkhonzi wam onobulungisa uya kugwebela abaninzi; kuba uya kubuthwala ubugwenxa babo.
12 Ke ngoko ndiya kumabela isahlulo nabakhulu, kwaye uya kwabelana ngexhoba nabanokomelela; ngenxa yokuba ewuphalazile umphefumlo wakhe ekufeni; kwaye wabalelwa kubo aboni; kwaye wazithwala izono zabaninzi, kwaye wabathethelela abo bangaboni.