2. Nduli iCumorah noMmandla iPalmyra-Manchester
Ijonge ngasentla, le foto ibonisa iNduli iCumorah eManchester, eNew York. Induli ibonakala kwikona engezantsi yasekunene kwefoto ize ibaleke kancinane nje ngaphezu kwesiqingatha sendlela ukuya kumphezulu wayo. Ilitye lesikhumbuzo elimhlophe libonakala ekugqibeleni kwenduli entshonalanga linika imbeko ingelosi uMoronayi nokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni. INduli iCumorah ifumaneka kangangeekhilomitha ezintlanu emazantsi-mpumalanga yeHlathi eliNgcwele. Kufutshane nomphezulu wefoto yiLali iPalmyra, umgama oziikhilomitha ezintandathu ezinesiqingatha. Ifama yooSmith neHlathi eliNgcwele zimi kwicala eliphezulu langasekhohlo lefoto.
Izehlo eziBalulekileyo: Usapho loMprofeti uJoseph Smith lwaluhlala kulo mmandla ngexesha loMbono woKuqala (M—JS 1:3). Ngowa-421 E.K., uMoronayi wangcwaba iseti yamacwecwe egolide kwiNduli iCumorah equlathe imbali engcwele yabantu bakhe (M kaM 1:1–11; Morm. 6:6; Moro. 10:1–2). Ikwa ngulo Moronayi waxelela uJoseph Smith ukuba wayeya kuwafumana endulini amacwecwe—ngasekupheleni kwamantla enduli, ecaleni elisentshonalanga, kufutshane nomphezulu. UMoronayi wawanikela kuye ngowe-1827 (I&M 27:5; 128:20; M—JS 1:33–35, 51–54, 59).