Indawo yokuhlala yaseFar West, eMissouri, yaba likhaya labaNgcwele abangama-3,000 ukuya kuma-5,000 ababefuna ukhuseleko kwintshutshiso kwiKhawunti iJackson neClay. Ngowe-1838 iNkosi yayalela abaNgcwele ekubeni bakhe itempile apha (khangela I&M 115:7–8). Intshutshiso yeqela lezaphuli-mthetho labavalela ekwenzeni oko ngo-Oktobha 31 waloo nyaka, Ngo-Oktobha 31, 1838 uMprofeti uJoseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla babanjwa kwaye, emva kwetyala elibophelelayo eRichmond, bavalelwa kwiNtolongo iLiberty. Ngethuba lobusika bowe-1838–1839, abaNgcwele beMihla yokuGqibela bagxothwa eFar West nakwezinye iziza eMissouri baza bema kwakhona eIllinois.