Uncedo lweZifundo
9. Tempile iKirtland


9. Tempile iKirtland

ifoto 9

ITempile iKirtland imi eKirtland, eOhio.

Izehlo eziBalulekileyo: ITempile iKirtland yayiyitempile yokuqala ukwakhiwa kweli xesha lokuzihlanganisela (I&M 88:119; 95). Kule tempile, uJoseph Smith wabona umbono wobukumkani beselestiyali (I&M 137). Yangcwaliswa ngoMatshi 27, 1836 (I&M 109). NgoAprili 3, 1836, uMsindisi wabonakala waza wamkela itempile njengendawo Yena aya kutyhila kuyo ilizwi Lakhe ebantwini Bakhe (I&M 110:1–10). Okulandela oku kubonakala, uJoseph Smith no-Oliver Cowdery bafumana utyelelo kuMoses, Elayasi, noEliya, bonke ababo babanika izitshixo zobubingeleli ezithile nolwazi olubalulekileyo (I&M 110:11–16). Le tempile yakhonza abaNgcwele iminyaka emibini ethile ngaphambi kokuba babe nokusabela eKirtland ngenxa yentshutshiso.