Uncedo lweZifundo
5. Mlambo iSusquehanna


5. Mlambo iSusquehanna

Umfanekiso
ifoto 5

Le foto ibonisa uMlambo iSusquehanna kwiDolophana iHarmony Pennsylvania.

Izehlo eziBalulekileyo: UJoseph Smith Omnci. kuqala weza eHarmony ngowe-1825 ezokufuna umsebenzi. Yena noyise babhoda kufutshane apha kwikhaya likaIsaac Hale, apho uJoseph waqala ukuhlangana noEmma Hale, umfazi wakhe wexesha elizayo (M—JS 1:56–57). UJoseph noEmma batshata ngoJanuwari 18, 1827. UMprofeti wafumana amacwecwe egolide ngoSeptemba 22, 1827, eManchester, eNew York, kwaza msinyane emva koko wafudukela eHarmony kunye noEmma, apho waqalisa ukuguqulela amacwecwe. Ngethuba loguqulelo lweNcwadi kaMormoni, uJoseph no-Oliver Cowdery bafuna ukwazi ngakumbi ngobhaptizo baza baya kwindawo esehlathini ukuya kuthandaza eNkosini ngokunxulumene nomcimbi. Kwimpendulo yalo mthandazo, uYohane uMbhaptizi wabonakala ngoMeyi 15, 1829 (M—JS 1:66–74; I&M 13). Wanikela uBubingeleli bukaAron kuJoseph no-Oliver. Ngoko bangena emlanjeni babhaptizela omnye nomnye uxolelo lwezono. UJoseph no-Oliver ngoko bayalelwa nguYohane uMbhaptizi ukuba bamiselane eBubingelelini buka-Aron. Kamsinyane emva koko, uPetros, uYakobi, noYohane babonakala phakathi kweHarmony neColesville baza banikela uBubingeleli bukaMelkitsedeke kuJoseph no-Oliver (I&M 27:12–13; 128:20).

Shicilela