Scripture Stories
U-Enoki uMprofeti


“U-Enoki uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Enoki uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 5; Moses 6–7

U-Enoki uMprofeti

Indlela ukholo eNkosini olwasindisa ngayo isixeko

Umfanekiso
UThixo ethetha no-Enoki

INkosi uYesu Krestu yacela u-Enoki ukuba axelele abantu baguquke. Kodwa u-Enoki wayezicingela ukuba wayengakwazi ukuthetha kakuhle. Wayesoyikisela ukuba abantu babengenakummamela.

Genesis 5:22; Moses 6:26–31

Umfanekiso
abantu bagxeka u-Enoki

INkosi yathembisa ngokumomeleza kunye nokumkhusela u-Enoki nangona abanye abantu babengakuthandi oko u-Enoki wayekufundisa.

Moses 6:32–39

Umfanekiso
U-Enoki efundisa abantu

Isithembiso seNkosi sanika u-Enoki inkalipho. U-Enoki wayithobela iNkosi kwaye wabafundisa abantu ngamandla. Waye wabafundisa malunga noYesu Krestu, ngenguquko, ngobhaptizo, kwakunye nangoMoya oyiNgcwele. Abanye abantu baye bamkholelwa u-Enoki kwaye bafuna ukulandela iNkosi.

Moses 6:47–68

Umfanekiso
U-Enoki ebhaptiza umfazi

U-Enoki wayenegunya elivela kuThixo lokubhaptiza. Bonke abantu ababemkholelwa u-Enoki baye babhaptizwa kwaye baye basondela kakhulu eNkosini. Akukho namnye owayelihlwempu ngenxa yokuba babekhathalelana. Babebizwa ngokuba bayiZiyon kuba babephila kunye ngothando nangobulungisa.

Moses 7:10–20

Umfanekiso
ubomi, nokufa, kunye novuko lukaYesu

Ngenye imini iNkosi yabonisa u-Enoki umbono wako konke okwakuya kukwenzeka emhlabeni. U-Enoki wabona ubomi, nokufa, kunye novuko lukaYesu Krestu. U-Enoki wafunda okokuba ngemihla yokugqibela ivangeli yayiya kubuyiswa. Waye wabona kwakhona noBuyo lweSibini lukaYesu.

Moses 7:21–67

Umfanekiso
UThixo ethetha nabantu baseZiyon

Ekugqibeleni, bonke abantu esixekweni saseZiyon baye bamkholelwa u-Enoki kwaye baguquka. Ngenxa yokuba babekhathalelana kwaye bephila ngoxolo, iNkosi yabathatha ukuba bayokuphila naYo.

Genesis 5:24; Moses 7:18, 21, 68–69

Shicilela