Scripture Stories
UMoses uMprofeti


“UMoses uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UMoses uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 2–3

UMoses uMprofeti

Ukubizelwa ukuba akhulule abantu beNkosi

Umfanekiso
UmYiputa ebetha umSirayeli

UMoses wakhula njengonyana wentombi kaFaro. UMoses wabona ukuba amaYiputa ayekhohlakele kumaSirayeli. Yena wayekhathazekile ukuba amaYiputa ayesenza amaSirayeli amakhoboka awo.

Eksodus 2:10–11

Umfanekiso
UMoses ukhusela umSirayeli

Ngenye imini uMoses waye wabona umYiputa ebetha umSirayeli. Ukukhusela umSirayeli, uMoses waye wabulala umYiputa.

Eksodus 2:11–14

Umfanekiso
UMoses entlango

Xa uFaro wakuva oko, wayefuna ukubulala uMoses, kodwa uMoses wayebalekile eYiputa.

Eksodus 2:15

Umfanekiso
UMoses kunye nosapho

UMoses wafika kwindawo eyayibizwa ngokuba yiMidiyan, apho waye wadibana nomfazi owayegama linguTsipora. Baye batshata baze baba nabantwana.

Eksodus 2:21–22

Umfanekiso
UMoses ejonge ityholo elivuthayo

Ngexesha wayehlala kwaMidiyan, uMoses waye wabona ityholo elalivutha, kodwa umlilo lowo wawungalitshisi liphele ityholo. INkosi yavela emlilweni kwaye yathetha noMoses.

Eksodus 3:1–6

Umfanekiso
UYesu uthetha noMoses

INkosi yathi Yona yayisazi ukuba amaSirayeli ayehlupheka eYiputa. Yona yayalela uMoses ukuba abuyele eYiputa kwaye axelele uFaro ukuba akhulule amaSirayeli ahambe. INkosi yathi yayiya kumnceda uMoses akhulule amaSirayeli kwaye awakhokelele kwilizwe lesithembiso.

Eksodus 3:7–18

Shicilela