Scripture Stories
AmaSirayeli eNtlango


“AmaSirayeli eNtlango,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“AmaSirayeli eNtlango,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 16

AmaSirayeli eNtlango

Ukufunda ukuthembela eNkosini

Umfanekiso
AmaSirayeli ekhalaza

Kungekudala emveni kokuba amaSirayeli ehambile eYiputa, aye akhalaza ukuba ayengenakutya kwaneleyo. Aye athi kwakungcono ukuba abengamakhoboka eYiputa kunokuba alambele entlango.

Eksodus 16:1–3

Umfanekiso
AmaSirayeli eqokelela imana

Ukufundisa amaSirayeli ukuba athembele kuYo, iNkosi yaye yawathumela isonka esivela ezulwini sokuba asichole usuku ngalunye. Asibiza isonka ngokuba yimana. Yayinambitheka okobusi. INkosi yayingayithumeli imana ngeSabatha, umhla wesixhenxe evekini. Ngoko ke ngomhla wesithandathu, Yona yayiwaxelela ukuba achole imana eyonele iintsuku ezimbini.

Eksodus 16:4–5, 14–31

Umfanekiso
AmaSirayeli eqokelela izagwityi

Okwexeshana, iNkosi yaye yathumela izagwityi ukuze amaSirayeli atye. Ekuseni ayechola imana, kuze ngokuhlwa ayeqokelela izagwityi. INkosi yayifuna amaSirayeli ukuba afunde ukuthembela kuYo. Ngale ndlela, Yona yawakhathalela entlango.

Eksodus 16:11–13

Shicilela