Scripture Stories
UNowa noSapho lwaKhe


“UNowa noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UNowa noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 6–9; Moses 8

UNowa noSapho lwaKhe

Umkhombe, nonogumbe, kunye nezithembiso zeNkosi

Umfanekiso
UNowa ejonge abantu

UNowa nosapho lwakhe bayithobela iNkosi. Bonke abanye abantu babekhohlakele kakhulu. INkosi yaxelela uNowa ukuba unogumbe wawuya kugquma umhlaba ukuba abantu babengaguquki.

Genesis 6:5–13; Moses 8:13–17

Umfanekiso
UNowa efundisa abantu

UNowa wafundisa abantu ukuba iNkosi yayibathanda kwaye yayifuna ukuba baguquke babenokholo kuYesu Krestu. Abazange bamamele.

Moses 8:19–30

Umfanekiso
UNowa nosapho besakha umkhombe

UNowa wayekhathazekile ngokuba abantu babengazange baguquke. INkosi yaxelela uNowa ukuba akhe inqanawe enkulu eyayibizwa ngokuba ngumkhombe. Umkhombe wawuya kugcina usapho lukaNowa lukhuselekile ngexesha likanogumbe.

Genesis 6:14–18; Moses 8:25

Umfanekiso
izilwanyana zingena emkhombeni

Usapho lukaNowa lwazisa ukutya emkhombeni. INkosi yathumela izilwanyana ezimbini ubuncinane zazo zonke iintlobo kuNowa. Izilwanyana zangena emkhombeni, kwaye emva kweentsuku ezisixhenxe kwaqalisa ukunetha.

Genesis 6:18–22; 7:1–9

Umfanekiso
umkhombe udada elwandle

Njengoko iNkosi yayithembisile, kwaye kwanetha kangangeentsuku ezi-40 nobusuku obu-40. Unogumbe wogquma umhlaba.

Genesis 7:6–23

Umfanekiso
UNowa kunye nosapho

Usapho lukaNowa kunye nazo zonke izilwanyana emkhombeni lwaye lwadada ngokukhuselekileyo emanzini.

Genesis 7:24; 8:1–3

Umfanekiso
UNowa, nosapho, kunye nezilwanyana emhlabeni

Xa unogumbe wayephelile, umkhombe waye wamisa kumhlaba owomileyo. UNowa nosapho lwakhe baye bakha isibingelelo ukuze banqule iNkosi kwaye bayibulele ngokubakhusela. INkosi yathembisa ukuba ayisokuze iphinde igcwalise umhlaba ngonogumbe kwakhona. Yathumela umgcamabala njengesikhumbuzo sesithembiso saYo.

Genesis 8:13–22; 9:8–17

Shicilela