“Ukudalwa koMhlaba,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“Ukudalwa koMhlaba,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 1–2; Moses 1–3; Abraham 3–5
Ukudalwa koMhlaba
Ikhaya elihle labantwana bakaBawo oseZulwini
UThixo uBawo wethu oseZulwini waye wabeka icebo losindiso ezulwini. Sonke sakhwaza ngovuyo! Sasiza kukwazi ukuza emhlabeni sizokufumana umzimba wenyama. Ngexesha sisemhlabeni, sasiya kufunda ukulandela uNyana kaThixo, uYesu Krestu. INkosi yadala umhlaba ilandela imiyalelo kaThixo.
Genesis 1:1; Yobhi 38:4–7; Moses 1:32–33; 2:1; Abraham 3:22–27
Ngosuku lokuqala, iNkosi yahlukanisa ukukhanya ebumnyameni. Yabiza ukukhanya imini kwaye ubumnyama yabubiza ubusuku.
Genesis 1:3–5; Moses 2:3–5; Abraham 4:1–5
Ngosuku lwesibini, Yona yahlukanisa amanzi phakathi kwamafu esibhakabhakeni kunye namalwandle emhlabeni.
Genesis 1:6–8; Moses 2:6–8; Abraham 4:6–8
Ngosuku lwesithathu, iNkosi yabumba iilwandle ezinkulu kunye nendawo eyomileyo. Amanzi yawathiya ulwandle kwaye indawo eyomileyo umhlaba. Yona yahombisa umhlaba ngeentyatyambo, ngeziqhamo, ngezityalo, kunye nangemithi.
Genesis 1:9–13; Moses 2:9–13; Abraham 4:9–13
Ngosuku lwesine, Yona yadala ilanga ukuba likhanyise imini. Emva koko Yona yadala inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ubusuku.
Genesis 1:14–19; Moses 2:14–19; Abraham 4:14–19
Ngosuku lwesihlanu, iNkosi yenza iintlanzi elwandle kunye neentaka esibhakabhakeni. Yaye yasikelela izidalwa ukuba zande kwaye yasikelela iintlanzi ukuba zizalise amanzi.
Genesis 1:20–23; Moses 2:20–23; Abraham 4:20–23
Ngosuku lwesithandathu, Yona yadala izilwanyana zasemhlabeni, ezinye zazihamba ezinye zirhubuluza.
Genesis 1:24–25; Moses 2:24–25; Abraham 4:24–25
UBawo oseZulwini kunye neNkosi behla baya emhlabeni ngosuku lwesithandathu. Indoda nomfazi baye badalwa ngokomfuziselo kaThixo. UBawo oseZulwini wabaxelela ukuba bakhathalelane kwaye babenabantwana. Indoda nomfazi babekwathenjwe ukuba bawukhathalele umhlaba nezilwanyana.
Genesis 1:26–27; Moses 2:26–27; Abraham 4:26–31; 5:7–8
UBawo oseZulwini wayonwabile ngayo yonke into Bona ababeyidalile. Ngosuku lwesixhenxe, Bona baphumla emsebenzini waBo wonke. Umhlaba wawumhle kwaye wawugcwele bubomi.