Scripture Stories
UMoses kunye neNyoka yoBhedu


“UMoses kunye neNyoka yoBhedu,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UMoses kunye neNyoka yoBhedu,” Amabali eTestamente eNdala

Numeri 21

UMoses kunye neNyoka yoBhedu

Ukufunda ukubanokholo kuyo iNkosi

Umfanekiso
iinyoka zihlasela abantu

Xa amaSirayeli ayehamba entlango, ayehlala elibala iNkosi kwaye ekhalaza. INkosi yaye yathumela iinyoka ukuwanceda ukuba athobeke kwaye ayikhumbule Yona. Iinyoka zaye zaluma abantu, kwaye abantu abaninzi baye basweleka.

Numeri 21:1–6

Umfanekiso
abantu bacenga uMoses

Kungekudala abantu baye baguquka. Baye bacela uMoses ukuba athandaze eNkosini kwaye ihambise iinyoka. INkosi ayizange izisuse iinyoka. Kodwa Yona yenza indlela yokuba abantu babenokusindiswa ukuba babelunyiwe.

Numeri 21:7

Umfanekiso
UMoses ebambe inyoka yobhedu

INkosi yaxelela uMoses ukuba enze inyoka yobhedu kwaye ayincamathisele epalini. Xa abantu babelunyiwe kwaye bejonga enyokeni elubhedu, iNkosi yayibasindisa. INkosi yawanceda amaSirayeli ukuba athobeke kwaye nokuba athembele kuYo.

Numeri 21:8–9; 1 Nifayi 17:41; Hilamani 8:14–15

Shicilela