Icandelo 129
Imiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eNauvoo, eIllinois, Februwari 9, 1843, esenza kwazeke izitshixo ezithathu ezikhulu ngayo indlela elungileyo yolungiselelo lweengelosi noomoya babe nokwahluleka.
1–3, Kukho yomibini imizimba evukileyo neyomoya ezulwini; 4–9, Izitshixo zinikwe ngazo izithunywa ezivela ngentla kwesigqumathelo zinako ukwaziswa.
1 Kukho iintlobo ezimbini zeziqu zezulu, ezizezi: Iingelosi, eziziziqu ezivukileyo, ezinemizimba yenyama namathambo—
2 Kuba umzekelo, uYesu wathi: Ndibambe kwaye ubone, kuba umoya awunayo inyama namathambo, njengoko undibona ndinazo.
3 Okwesibini: oomoya babantu abalungileyo benziwa bagqibelela, abo bangavukanga, kodwa badla ilifa ubuqaqawuli obufanayo.
4 Xa isithunywa sisiza sisithi sinomyalezo ovela kuThixo, sinike isandla sakho kwaye usicele sixhawule izandla kunye nawe.
5 Ukuba sakube siyingelosi siya kukwenza njalo, kwaye uya kusiva isandla sayo.
6 Ukuba sakube singumoya womntu olungileyo owenziwe wagqibelela siya kuza sisebuqaqawulini baso; kuba oko kuphela kwendlela esinako ngayo ukubonakala—
7 Sicele sixhawule izandla kunye nawe, kodwa asiyi kushukuma, kuba kuphikisana nomyalelo wezulu ukuba umntu olungileyo akhohlise; kodwa sisaya kuwuhambisa umyalezo waso.
8 Ukuba mayibe ngumtyholi enjengengelosi yokukhanya, xa nimcela axhawule izandla uya kuninika isandla sakhe, kwaye aniyi kuva nto; ninganako ke ngoko ukumbona.
9 Ezi zizitshixo ezithathu ezikhulu ngazo eninako ukwazi nokokuba naluphina ulungiselelo luvela kuThixo.