Icandelo 2
Isicatshulwa esivele kwimbali kaJoseph Smith sinika ingxelo yamazwi engelosi uMoronayi sisiya kuJoseph Smith uMprofeti, ngethuba wayesendlwini kayise woMprofeti eManchester, eNew York, ngenjikalanga yowama-Septemba 21, 1823. UMoronayi wayengowokugqibela woluhlu olude lwababhali—mbali abathe benza imbali ekhoyo ngoku phambi kwehlabathi njengeNcwadi kaMormoni: (Thelekisa UMalaki 4:5–6; kanjalo amacandelo 27:9; 110:13–16; ne128:18.)
1, UEliya uza kutyhila ububingeleli; 2–3, Izithembiso zooyise zityalwe ezintliziyweni zabantwana.
1 Qaphelani, ndiya kunityhilela uBubingeleli, ngesandla sikaEliya umprofeti, ngaphambi kokufika kwemini enkulu neyoyikekayo yeNkosi.
2 Kwaye iya kutyala ezintliziyweni zabantwana izithembiso ezenziwa koyise, neentliziyo zabantwana ziya kuguqukela kooyise.
3 Ukuba bekungenjalo, umhlaba wonke ubuya kuba yinkcitho kwaphela ekuzeni kwayo.