Isahluko 6
Abantu abaguqukayo bayabhaptizwa baze banikwe ubudlelane—Amalungu eBandla aguqukayo ayaxolelwa—Iintlanganiso ziqhutywa ngamandla oMoya oyiNgcwele. Malunga E.K. 401–421.
1 Kwaye ngoku ndithetha ngokunxulumene nobhaptizo. Qaphelani, abadala, ababingeleli, neetitshala babhaptizwa; kwaye babengabhaptizwa ngaphandle kokuba bazise ngaphambili iziqhamo ezifanelekileyo zokokuba babekufanele.
2 Bengamkeli namnye elubhaptizweni ngaphandle kokuba beze ngaphambili benentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, baze bangqine kulo ibandla okokuba baguquke ngokwenene kuzo zonke izono zabo.
3 Kwaye kwakungamkelwa namnye elubhaptizweni ngaphandle kokuba bathabathela kubo igama likaKrestu, benokuzimisela ukuba bamkhonze kuye esiphelweni.
4 Kwaye emva kokuba bamkelwe elubhaptizweni, kwaye bephenjelelwe baze behlanjululwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, babebalelwa phakathi kwabantu bebandla likaKrestu; kwaye amagama abo ayethatyathwa, ukuze babenokukhunjulwa baze bondliwe ngelizwi elilungileyo likaThixo, ukuba bagcinwe endleleni elungileyo, ukubagcina ngamaxesha onke bekuphaphele ukuthandaza, bexhomekeke kuphela kwizenzo ezilungileyo zikaKrestu, owaye eyimbangi nomgqibelelisi wokholo lwabo.
5 Kwaye ibandla laye lahlangana kunye rhoqo, ukuzila ukutya nokuthandaza, nokuthetha omnye kunye nomnye malunga nentlalo-ntle yemiphefumlo yabo.
6 Kwaye baye bahlangana kunye rhoqo ukuze bathabathe badle kuso isonka newayini, ukukhumbula iNkosi uYesu.
7 Kwaye babengqongqo ukuqaphela okokuba makungabikho bugwenxa phakathi kwabo; kwaye nabani na owayefunyaniswe esenza ubugwenxa, kwaye amangqina amathathu ebandla athi abagwebe phambi kwabadala, kwaye ukuba abaguquki, bangavumi, amagama abo ayecinywa, kwaye babengabalelwa phakathi kwabantu bakaKrestu.
8 Kodwa ngokuguquka kwabo rhoqo baze bafune ukuxolelwa, ngenjongo yokwenene, babexolelwa.
9 Kwaye iintlanganiso zabo zaziqhutywa libandla ngokohlobo lokusebenza koMoya, nangamandla oMoya oyiNgcwele; kuba njengokuba amandla oMoya oyiNgcwele wawubakhokela apho mabashumayele khona, okanye ukuyala, okanye ukuthandaza, okanye ukubongoza, okanye ukucula, kwangokunjalo kwakusenziwa.