Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 102


Icandelo 102

Imizuzu yomanyano lwequmrhu lokuqala elikhulu leBandla, eKirtland, eOhio, Februwari 17, 1834. Imizuzu yokuqala yabhalwa nguMdala uOliver Cowdery no-Orson Hyde. UMprofeti wahlaziya imizuzu ngosuku olulandelayo, kwaza ngosuku olulandelayo imizuzu elungisiweyo yamkelwa ngomxhel, omnye liqumthu elikhulu nje “ngohlobo nomgaqo-siseko wequmrhu elikhulu” leBandla. Iivesi 30 ukuya ku-32, zinento yokwenza neQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini, zongezwa ngowe-1835 phantsi kolawulo lukaJoseph Smith xa eli candelo lalilungiselelwa upapasho kwiMfundiso neMinqophiso.

1–8, Iqumrhu elikhulu lonyulwa ukulungisa iingxaki ezibalulekileyo ezivelayo eBandleni; 9–18, Iinkqubo zinikelwa ukumamela izehlo; 19–23, Umongameli wequmrhu unika isigqibo; 24–34, Inkqubo yokubhena ibekwa ngaphambili.

1 Ngolu suku iqumrhu jikelele lababingeleli abakhulu abangamashumi amabini anesine lahlangana endlwini kaJoseph Smith, Omnci, ngesityhilelo, laza laqhubekeka limisa iqumrhu elikhulu lebandla likaKrestu, elaliza kuqulatha ababingeleli abalishumi elinesibini abakhulu, nomnye okanye abathathu abongameli njengoko imeko inokufuna.

2 Iqumrhu elikhulu lonyulwa ngesityhilelo ngenxa yesizathu sokulungusa iingxaki ezibalulekileyo ezazinokuvela ebandleni, ezazingenako ukulungiswa libandla okanye iqumrhu likabhishophu ekwanelisekeni kwamaqela.

3 UJoseph Smith, Omnci, uSidney Rigdon noFrederick G. Williams babengoomongameli abavunyiweyo ngelizwi lequmrhu; kwaye uJoseph Smith, Omkhulu, uJohn Smith, uJoseph Coe, uJohn Johnson, uMartin Harris, uJohn S. Carter, uJared Carter, uOliver Cowdery, uSamuel H. Smith, uOrson Hyde, uSylvester Smith, noLuke Johnson, ababingeleli abakhulu, bonyulelwa babaliqumrhu elimileyo lebandla, ngelizwi elimxhelo mnye lequmrhu.

4 Abacebisi abakhankanyiweyo ngasentla babuzwa ngoko ukuba bayazamkela na izikhundla zabo, nokokuba baya kusebenza na kuloo ofisi ngokunxulumene nomthetho wasezulwini, kuko oko bonke baphendula okokuba bayazamkela izikhundla zabo, kwaye baya kuzalisa iiofisi zabo ngokunxulumene nobabalo lukaThixo alubeke phezu kwabo.

5 Inani elakha iqumrhu, elivote egameni nokuvotela ibandla ekonyuleni abacebisi abakhankanyiweyo ngasentla lalingamashumi amane anesithathu, njengokulandelayo: ababingeleli abakhulu abalithoba, abadala abalishumi elinesixhenxe, ababingeleli abane, namalungu alishumi elinesithathu.

6 Kwavotwa: okokuba iqumrhu elikhulu alinako ukuba negunya lokusebenza ngaphandle kwesixhenxe sabacebisi abakhankanywe ngasentla, okanye abalandeli babo abonyulwa njalo bakhona.

7 Esi sixhenxe siya kuba negunya lokonyula abanye ababingeleli abakhulu, abo babenokubacingela ekubeni bafanelekile kwaye banako ukusebenza endaweni yabacebisi abangekhoyo.

8 Kwavotwa: okokuba nanini na kuya kuvela nasiphina isithuba ngokufa, ukususwa eofisini ngenxa yesigqitho, okanye ukususwa emideni yolu lawulo lwebandla, nabani na ongomnye wabacebisi abakhankanyiweyo ngasentla, siya kuzaliswa ngolo nyulo lukamongameli okanye oomongameli, size sivunyelwe ngelizwi lequmrhu jikelele lababingeleli abakhulu, elihlanganele eso sizathu, ekusebenzeni egameni lebandla.

9 Umongameli webandla, okwa ngumongameli wequmrhu, wonyulwa ngesityhilelo, aze avunyelwe elulawulweni lwakhe ngelizwi lebandla.

10 Kwaye kungokwesidima seofisi yakhe okokuba umele ukongamela phezu kwequmrhu lebandla; kwaye lilungelo lakhe elilodwa ukuncediswa ngabanye ababini oomongameli, abonyulwe ngokohlobo olufanayo nolo yena ngokwakhe onyulwe ngalo.

11 Kwaye kwimeko yokungabikho komnye okanye bobabini ababo bonyulelwe ukumncedisa, unegunya lokongamela phezu kwequmrhu ngaphandle komncedisi; kwaye kwimeko yena isiqu sakhe engekho, abanye oomongameli banegunya lokongamela endaweni yakhe, bobabini okanye nawuphina kubo.

12 Nanini na iqumrhu elikhulu lebandla likaKrestu lisekwa, ngokomfuziselo ubusele wenziwe ngaphambili, kuya kuba ngumsebenzi wabacebisi abalishumi elinesibini ukwenza amaqashiso ngamanani, kwaye ngawo baqondisise ngubani owabalishumi elinesibini oya kuthetha kuqala, kuqalwa ngenani elilelokuqala nanjalo ukuqhubekeka kuye kwinani leshumi elinesibini.

13 Nanini na eli qumrhu lihlanganela ukusebenza nayiphina imeko, abacebisi abalishumi elinesibini baya kucingela okokuba iyimeko enzima na okanye engenjalo, ukuba ayinjalo, ababini kuphela babacebisi abaya kuthetha phezu kwayo, ngokunxulumene nendlela ebhalwe ngasentla.

14 Kodwa ukuba icingelwa ekubeni inzima, abane baya konyulwa; kwaye ukuba inzima ngakumbi, abathandathu; kodwa akukho meko kuya kunyulwa ngaphezu kwabathandathu bathethe.

15 Umtyholwa, kuwo onke amatyala, unelungelo esiqingatheni sabacebisi, ukunqanda isithuko okanye intswela-bulungisa.

16 Kwaye abacebisi abonyulelwe ukuthetha phambi kwequmrhu bamele ukuzisa ityala, emva kokuba ubungqina buphononongiwe, kubunyani babo njengoko bunjalo phambi kwequmrhu; kwaye wonke umntu umele ukuthetha ngokulinganayo nobulungisa.

17 Abo bacebisi batsale amanani angeyiyo iminqakathi, oko kukuthi, 2, 4, 6, 8, 10 ne-12, baziziqu ezimele ukuma endaweni yomtyholwa, baze banqande isithuko nentswelo-bulungisa.

18 Kuwo onke amatyala ummangali nomtyholwa baya kuba nelungelo elilodwa lokuzithethelela phambi kwequmrhu, emva kokuba ubungqina buviwe kwaye abacebisi abonyulelwe ukuthetha etyaleni begqibe ukwenza amanqaku abo.

19 Emva kobungqina bonke buviwe, abacebisi, ummangali, nomtyholwa bethethile, umongameli uya kunika isigqibo ngokunxulumene nokuqonda aya kuba nako kwetyala, aze abize abacebisi abalishumi elinesibini bavumele okunjalo ngevoti yabo.

20 Kodwa ukuba abacebisi abaseleyo, abangakhange bathethe, okanye nawuphina owabo, emva kokuva ubungqina bonke nezicengo ngokungakhethi-buso, bafumanisa isiphene kwisigqibo sikamongameli, banako ukusibonakalisa, kwaye ityala liya kuba nokumanyelwa kwakhona.

21 Kwaye ukuba, emva kokumanyelwa kwakhona okunenyameko, nakuphina ukukhanya okongezelelweyo kuyabonakala etyaleni, isigqibo siya kuguqulwa ngokunjalo.

22 Kodwa kwityala ekungekho kukhanya kongezelelweyo kunikiweyo, isigqibo sokuqala siya kuma, isininzi sequmrhu sinegunya lokwenza ngokufanayo.

23 Kwimeko enzima ekuhlonipheni imfundiso okanye umgaqo, ukuba akukho okoneleyo okubhaliweyo ukwenza ityala licace ezingqondweni zequmrhu, umongameli unokubuza aze afumane ingqondo yeNkosi ngesityhilelo.

24 Ababingeleli abakhulu, xa bengaphesheya, banegunya lokubiza nokulungiselela iqumrhu emva kohlobo olungaphambili, ukulungisa iinzima, xa amaqela okanye amanye wawo eya kucela oko.

25 Kwaye eli qumrhu lixeliweyo lababingeleli abakhulu liya kuba negunya lokonyula omnye wenani labo ongamele phezu kwequmrhu elinjalo njengokuba ixesha likhona.

26 Iya kuba ngumsebenzi wequmrhu elixeliweyo ukugqithisa, ngokukhawuleza, ikopi yeenkqubo zabo, enengxelo ezeleyo yobungqina obukhapha isigqibo sabo, esiya kwiqumrhu elikhulu lesihlalo soBumongameli boKuqala beBandla.

27 Ukuba kuthe amaqela okanye amanye wawo akaneliseka sisigqibo sequmrhu elixeliweyo, anokubhenela kwiqumrhu elikhulu lesihlalo soBumongameli boKuqala beBandla, aze abe nokumanyelwa kwakhona, ityala elo apho liqhutywe, ngokomfuziselo wokuqala obhaliweyo, ngokungathi bekungekho sigqibo sinjalo besenziwe.

28 Eli qumrhu lababingeleli abakhulu limele ukubizwa ngapha nangapha kuphela ematyaleni anobunzima obugqithisileyo bemiba yebandla; kwaye akukho tyala likawonke-wonke okanye liqhelekileyo liya kwanela ekubizeni iqumrhu elinjalo.

29 Ababingeleli abakhulu abajikelezayo okanye abamiselwe ngapha nangapha banegunya lokutsho okukuba kuyimfuneko na ukubiza iqumrhu elinjalo okanye akuyiyo.

30 Kukho umahluko phakathi kwequmrhu eliphezulu okanye ababingeleli abakhulu abajikelezayo ngapha nangapha, nequmrhu elikhulu elijikelezayo elakhiwe ngabapostile abalishumi elinesibini, kwizigqibo zabo.

31 Kwisigqibo sabokuqala kungakho isibheno; kodwa kwisigqibo sabamva asinakubakho.

32 Abamva banako kuphela ukubizelwa ukubuzwa ngabasemagunyeni jikelele bebandla kwityala lesigqitho.

33 Kugqitywe: okokuba umongameli okanye oomangameli besihlalo soBumongameli boKuqala beBandla baya kuba negunya lokugqiba okanye lokulungisa okokuba naliphina ityala elinjalo, njengoko linokucela, linelungelo elifanelekileyo lokumanyelwa kwakhona, emva kokuphonononga isibheno nobungqina bonke neengxelo ezibukhaphayo.

34 Abacebisi abalishumi elinesibini ngoko baqhubekeka ukwenza amaqashiso okanye ivoti, ukuqondisisa abo bamele ukuthetha kuqala, kwaye okulandelayo kwaba sisiphumo, ababizwa ngokuba: 1, uOliver Cowdery; 2, uJoseph Coe; 3, uSamuel H. Smith; 4, uLuke Johnson; 5, uJohn S. Carter; 6, uSylvester Smith; 7, uJohn Johnson; 8, uOrson Hyde; 9, uJared Carter; 10, uJoseph Smith, Omkhu.; 11, uJohn Smith; 12, uMartin Harris.Emva komthandazo inkomfa yachithakala.

Oliver Cowdery,

Orson Hyde,

Oonobhala.