Icandelo 83
Isityhilelo Esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eIndependence, Missouri, Aprili 30, 1832. Esi sityhilelo safunyanwa njengoko uMprofeti wayehleli kwiqumrhu kunye nabazalwana bakhe.
1–4, Abafazi nabantwana banebango lenkxaso yabo kubayeni babo nooyise; 5–6, Abahlolokazi neenkedama banebango eBandleni lenkxaso yabo.
1 Inene, itsho njalo iNkosi, ekongezeni emithethweni yebandla ngokunxulumene nabafazi nabantwana, abo bangabasebandleni, balahlekelwe ngabayeni babo okanye ooyise:
2 Abafazi banebango ebayenini lenkxaso yabo, bade abayeni babo bathatyathwe; kwaye ukuba abafunyanwanga bengaboni baya kufumana ubudlelwane ebandleni.
3 Kwaye ukuba abathembekanga abayi kufumana ubudlelwane ebandleni; basenokuhlala emafeni abo ngokunxulumene nemithetho yelizwe.
4 Bonke abantwana banebango ebazalini babo lenkxaso yabo bade babe kwiminyaka efikisayo.
5 Kwaye emva koko, banebango ebandleni, okanye ngamanye amazwi kuvimba weNkosi, ukuba abazali babo abanazinto zokubanikela amafa.
6 Kwaye uvimba uya kugcinwa ngongcwaliso lwebandla; kwaye abahlolokazi neenkedama baya kubonelelwa, kanjalo njengamahlwempu. Amen.