Isahluko 25
UNifayi uyagcotyiswa kukucaca—Iziprofetho zikaIsaya ziya kuqondakala ngemihla yokugqibela—AmaYuda aya kubuya ukusuka eBhabhilon, ambethelele emnqamlezweni uMesiya, aze asasazwe kwaye abandezeleke—Aya kubuyiselwa xa sukuba ekholelwa kuMesiya—Uya kuza okokuqala ngamakhulu amathandathu eminyaka emva kokuba uLihayi eyishiyile iYerusalem—AmaNifayithi agcina umthetho kaMoses aze akholelwe kuKrestu, onguye oNgcwele kaSirayeli. Malunga 559–545 P.K.
1 Ngoku mna, Nifayi, ndithetha nje noko ngokunxulumene namazwi endithe ndawabhala, athe athethwa ngomlomo kaIsaya. Kuba qaphelani, uIsaya wathetha izinto ezininzi ezaye zinzima kwabaninzi kubantu bam ukuba baziqonde; kuba abanalo ulwazi ngokunxulumene nohlobo lokuprofetha phakathi kwamaYuda.
2 Kuba mna, Nifayi, andibafundisanga izinto ezininzi ngokunxulumene nohlobo lwamaYuda; kuba imisebenzi yawo yaye iyimisebenzi yobumnyama, kwaye nezenzo zawo zaye zizizenzo zamasikizi.
3 Ngako oko, ndibhalela abantu bam, kubo bonke abaya kuthi bazifumane emva koku ezi zinto ndizibhalayo, ukuze bazazi izigwebo zikaThixo, okokuba ziza phezu kwazo zonke izizwe, ngokunxulumene nelizwi athe walithetha.
4 Ngako oko, phulaphulani, Owu bantu bam, abangabantu bendlu kaSirayeli, nize ninike indlebe kuwo amazwi am; kuba nangona amazwi kaIsaya engacacanga kuni, nangona kunjalo acacile kubo bonke abo bazaliswe ngomoya wobuprofeti. Kodwa ndininika isiprofetho, malunga nomoya okum; ngako oko ndiza kuprofetha ngokokucaca okusoloko kukum ukususela ngelixa endathi ndaphuma ngaphandle kweYerusalem kunye nobawo; kuba qaphelani, umphefumlo wam uyavuyiswa kukucaca kubantu bam, ukuze babe nokufunda.
5 Ewe, kwaye umphefumlo wam uyavuyiswa ngamazwi kaIsaya, kuba ndandiphuma eYerusalem, kwaye amehlo am azibonile izinto zamaYuda, kwaye ndiyayazi okokuba amaYuda ayaziqonda izinto zabaprofeti, kwaye abakho abanye abantu abaziqondayo izinto ezazithethwa kumaYuda njengawo, ngaphandle kokuba zithi zifundiswe ngokohlobo lwezinto zamaYuda.
6 Kodwa qaphelani, mna, Nifayi, andibafundisanga abantwana bam ngokohlobo lwamaYuda; kodwa qaphelani, mna, ngokokwam, bendihlala eYerusalem, ngako oko ndiyazi malunga nemimandla wayo jikelele; kwaye ndikhankanyile kubantwana bam malunga nezigwebo zikaThixo, ezithe zenzeka phakathi kwamaYuda, kubantwana bam, malunga nako konke oko uIsaya wathi wakuthetha, kwaye ke andizibhali.
7 Kodwa qaphelani, ndiqhubeka ngesam isiprofetho, malunga nokwam ukucaca; endikwaziyo ukuba akukho mntu unokuphazama ngako; nangona kunjalo, ngemihla eziya kuthi zizaliseke ngayo iziprofetho zikaIsaya abantu baya kuyazi ngokuqinisekileyo, ngamaxesha eziya kuthi zenzeke.
8 Ngako oko, zinexabiso kubo abantwana babantu, kwaye lowo ucinga ukuba azinalo, kwabo ndiza kubhekisa ngakumbi kubo, kwaye amazwi ndiwalinganisele abantu abangabam; kuba ndiyawazi ukuba aya kuba nexabiso elikhulu kubo ngemihla yokugqibela; kuba ngaloo mhla baya kuwaqonda; ngako oko, ndiwabhalele ukulungelwa kwabo.
9 Kwaye njengokuba esinye isizukulwana sithe satshatyalaliswa phakathi kwamaYuda ngenxa yobugwenxa, ngokunjalo batshatyalalisiwe ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana malunga nobugwenxa babo; kwaye abazange nakwabaphi na kubo batshatyalaliswe ngaphandle kokuba kube kuxelwe ngexa elingaphambili kubo ngabaprofeti beNkosi.
10 Ngako oko, baxelelwa ngokunxulumene nentshabalalo eya kuthi ize phezu kwabo, kwangoko emva kokuba ubawo eyishiyile iYerusalem; nangona kunjalo, bazenza lukhuni iintliziyo zabo; kwaye ngokwesiprofetho sam sebetshatyalalisiwe; ngaphandle nje kwabo bathe bathatyathelwa kude ekuthinjweni ukuya eBhabhilon.
11 Kwaye ngoku oku ndikuthetha ngenxa yomoya okum. Kwaye nangona bethatyathelwe kude baya kubuya kwakhona, baze balibange ilizwe laseYerusalem; ngako oko, baya kubuyiselwa kwakhona kulo ilizwe lelifa labo.
12 Kodwa, qaphelani, baya kuba neemfazwe, namarhe eemfazwe; kwaye xa sukuba umhla uthe wafika wokokuba oKuphela koZelweyo kaBawo, ewe, naye uBawo wezulu nomhlaba, eya kuzibonakalisa kubo esenyameni, qaphelani, baya kumkhanyela, ngenxa yobugwenxa babo, nobulikhuni beentliziyo zabo, nokuqina kweentamo zabo.
13 Qaphelani, baya kumbethelela emnqamlezweni; kwaye emva kokuba elaliswe engcwabeni kangangeentsuku ezintathu uya kuvuka kwelabafileyo, enokuphilisa emaphikweni akhe; kwaye bonke abo baya kukholelwa egameni lakhe baya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo. Ngako oko, umphefumlo wam uyavuyiswa kukuprofetha ngokunxulumene naye, kuba ndiwubonile umhla wakhe, kwaye intliziyo yam iya kulidumisa igama lakhe elingcwele.
14 Kwaye qaphelani kuya kwenzeka okokuba emva kokuba uMesiya evukile kwelabafileyo, kwaye ezibonakalisile kubo abantu bakhe, kangangobuninzi babo abo baya kuthi bakholelwe kulo igama lakhe, qaphelani, iYerusalem iya kutshatyalaliswa kwakhona; kuba yeha kubo abathi balwe ngokuchasene noThixo nabantu bebandla lakhe.
15 Ngako oko, amaYuda aya kusasazwa phakathi kwazo zonke izizwe; ewe, kwaye iBhabhilon kananjalo iya kutshatyalaliswa; ngako oko amaYuda aya kusasazwa zezinye izizwe.
16 Kwaye emva kokuba besasaziwe, kwaye neNkosi uThixo ibohlwaye ngezinye izizwe kangangesithuba sezizukulwana ezininzi, ewe, nasekwehleni ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana kude kube baya kuphenjelelwa ekubeni bakholelwe kuKrestu, uNyana kaThixo, nentlawulelo, engenamda yalo lonke uluntu—kwaye xa loo mhla uya kufika wokokuba beya kukholelwa kuKrestu, kwaye banqule uBawo egameni lakhe, ngeentliziyo ezinyulu nezandla ezimsulwa, kwaye bangakhangeli phambili kwakhona komnye uMesiya, ke, ngelo lixa, uya kufika umhla wokokuba kumele ukuba kube yimfuneko okokuba bakholelwe kuzo ezi zinto.
17 Kwaye iNkosi iya kuqalisa ukubeka isandla sayo kwakhona okwesibini ukubuyisela abantu bayo ukusuka kwimo yokulahleka nokuwa. Ngako oko, iya kuqhubeka ukwenza umsebenzi omangalisayo kwanongummangaliso phakathi kwabantwana babantu.
18 Ngako oko, iya kuzisa ngaphambili amazwi ayo kubo, amazwi lawo aya kuthi abagwebe ngomhla wokugqibela, kuba baya kuwanikwa ngenjongo yokubaqinisekisa ngoMesiya oyinyani, abathi bamala; nasekubaqinisekiseni okokuba akukho mfuneko yokuba babe baphinde bakhangele phambili komnye uMesiya ozayo, kuba akukho oya kube afike, ngaphandle kokuba ibe nguMesiya wobuxoki oya kulahlekisa abantu; kuba kukho mnye kuphela uMesiya ekuthethwe ngaye ngabaprofeti, kwaye loo Mesiya nguye lo uya kwaliwa ngamaYuda.
19 Kuba ngokwamazwi abaprofeti, uMesiya uya kuza ngeminyaka engamakhulu amathandathu ukusuka kwilixa awalishiya ngalo ubawo elaseYerusalem; nangokwamazwi abaprofeti, kanjalo nelizwi lengelosi kaThixo, igama lakhe liya kuba nguYesu Krestu, uNyana kaThixo.
20 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndithethe ngokucacileyo ukuze ningabi nakulahleka. Kwaye njengoko iNkosi uThixo iphila eyazisa uSirayeli yamkhupha kwilizwe laseYiputa, kwaye yanika uMoses amandla okokuba aphilise izizwe emva kokuba belunywe ziinyoka ezinobuhlungu, ukuba banokuthi baphose amehlo abo kuyo inyoka awayethe wayinyusa phambi kwabo, kananjalo wamnika amandla lokuba alibethe iliwa aze amanzi ampompoze; ewe, qaphelani ndithi kuni, ezi zinto ziyinyani, kwaye njengoko iNkosi uThixo iphila, alikho elinye igama elinikiweyo phantsi kwezulu ngaphandle kokuba libe ngulo Yesu Krestu, esele ndithethe ngaye, anokuthi umntu asindiswe ngalo.
21 Ngako oko, kungenxa yesi sizathu ithe iNkosi uThixo yandithembisa okokuba ezi zinto ndizibhalayo ziya kugcinwa kwaye zilondolozwe, zize zinikezelwe ukuhla ukuya kwimbewu yam, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, ukuze isithembiso sibe nokuzaliseka kuye uYosefu, ukuze imbewu yakhe ingaze itshabalale kangangokuba umhlaba uya kuma.
22 Ngako oko, ezi zinto ziya kuhamba ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana kangangokuba umhlaba uya kuma; kwaye ziya kuhamba ngokomnqweno nentando kaThixo; kwaye izizwe eziya kuthi zizifumane ziya kugwetywa ngazo ngokwamazwi lawo abhaliweyo.
23 Kuba sisebenza ngenkuthalo ukuze sibhale, ukuze siphembelele abantwana bethu, nabazalwana bethu kananjalo, ukuba bakholelwe kuKrestu, nokokuba bazinikele kuThixo; kuba siyazi ukuba kungobabalo ukuze sisindiswe, emva kwako konke esinokuthi sikwenze.
24 Kwaye, nangona sikholelwa kuKrestu, siyawugcina umthetho kaMoses kwaye sijonge phambili ngenzondelelo kuye uKrestu, ude ube umthetho uya kuzalisekiswa.
25 Kuba, kungale njongo ukuba kunikwe umthetho; ngako oko umthetho ungofileyo kuthi, kwaye thina sidliswa ubomi kuKrestu ngenxa yokholo lwethu; kanti sisagcina umthetho ngenxa yemiyalelo.
26 Kwaye sithetha ngoKrestu, siyagcoba kuKrestu, sishumayela ngoKrestu, siprofetha ngoKrestu, kwaye sibhala ngokweziprofetho zethu, ukuze abantwana bethu bazi ukuba nguwuphina umthombo abanokukhangela kuwo ukuze baxolelwe izono zabo.
27 Ngako oko, sithetha ngokunxulumene nomthetho ukuze abantwana bethu bazi ngokufa komthetho; kwaye bona, ngokuthi bazi ngokufa komthetho, banokukhangela phambili kobo bomi bukuye uKrestu, baze bazi ukuba kungayiphina injongo ukuba kunikwe umthetho. Kwaye emva kokuba umthetho uzalisekile kuKrestu, ukuze kungabikho mfuneko yokuba bazenze lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene naye xa sukuba kufuneka umthetho utshitshiswe.
28 Kwaye ngoku qaphelani, bantu bam, ningabantu abantamo zilukhuni; ngako oko, ndithethe ngokucacileyo kuni, ukuze ningabi nokungaqondi kakuhle. Kwaye amazwi endithe ndawathetha aya kuma njengobungqina ngokuchasene nani; kuba anele ukuba angafundisa nawuphina umntu indlela eyiyo; kuba indlela eyiyo kukukholelwa kuKrestu kwaye ningamkhanyeli; kuba ngokumkhanyela nikhanyela abaprofeti kananjalo nomthetho.
29 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni indlela eyiyo kukukholelwa kuKrestu, nize ningamkhanyeli; kwaye uKrestu ungoNgcwele kaSirayeli; ngako oko kufuneka niqubude phambi kwakhe, kwaye nimnqule ngawo onke amandlakazi enu, ingqondo, nokomelela, nomphefumlo wenu wonke; kwaye ukuba niya kwenza oku anisayi kuze niphoselwe ngaphandle.
30 Kwaye, kangangokuba kuya kuba yimfuneko, kufuneka nigcine izenzo kunye nemimiselo kaThixo kude kube umthetho uzalisekile owawunikezelwe kuye uMoses.