Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 115


Icandelo 115

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Aprili 26, 1838, kusenziwa kwazeke intando kaThixo ngokunxulumene nokwakhelwa phezulu kwaloo ndawo nendlu yeNkosi. Esi sityhilelo sibhekisele kumagosa ongamelayo namalungu eBandla.

1–4, INkosi ithiya ibandla Layo iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela; 5–6, IZiyon neziteyki zayo ziindawo zokhuselo nenqaba yabaNgcwele; 7–16, AbaNgcwele bayalelwa ekwakheni indlu yeNkosi eFar West; 17–19, UJoseph Smith uphethe izitshixo zobukumkani bukaThixo emhlabeni.

1 Inene itsho njalo iNkosi kuwe sicaka sam Joseph Smith, Omnci., kanjalo sicaka sam Sidney Rigdon, kananjalo sicaka sam Hyrum Smith, nabacebisi bakho abo nabaya konyulwa ukususela ngoku kuye kwixesha elizayo;

2 Kananjalo kuwe, sicaka sam Edward Partridge, nabacebisi bakho;

3 Kananjalo kuni zicaka zam ezithembekileyo ezizezequmrhu eliphezulu lebandla lam eZiyon, kuba liya kubizwa njalo, nakubo bonke abadala nabantu beBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, abasasazwe ngaphesheya kulo lonke ihlabathi;

4 Kuba ibandla lam liya kubizwa njalo ngemihla yokugqibela, nkqu iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

5 Inene ndithi kuni nonke: Phakamani nize niqaqambe ngaphambili, ukuze ukukhanya kwenu kube kuya kuba ngumlinganiselo wezizwe;

6 Nokokuze ukuhlanganisela kunye phezu komhlaba weZiyon, naphezu kweziteyki zayo, zibe zezokhuselo, negwiba kwisiphango, nasemsindweni xa uya kuthululelwa ngaphandle kokuxutywa phezu komhlaba wonke.

7 Masibe ngcwele isixeko, iFar West, kwaye sibe ngumhlaba ongcwaliselwe kum; kwaye siya kubizwa ngokuba sesona singcwele, kuba umhlaba esimi phezu kwawo ungcwele.

8 Ke ngoko, ndiniyalela ekubeni nakhele indlu kum, yokuhlanganiselana kunye kwabangcwele bam, neyokulungiselela umsebenzi, kweli hlobo lizayo;

9 Kwaye makubekho isiqalo salo msebenzi, nesiseko, nomsebenzi wolungiselelo, kweli hlobo lizayo;

10 Kwaye vumelani isiqalo senziwe ngomhla wesine kaJulayi olandelayo; kwaye ukususela kweloo xesha kuye phambili vumelani abantu bam basebenze ngenkuthalo ekwakheni indlu egameni lam;

11 Kwaye enyakeni omnye ukususela kuloo mhla bavumeleni baqalise kwakhona ukubeka isiseko sendlu yam.

12 Bavumeleni njalo ukususela kwelo xesha kuya phambili basebenze ngenkuthalo ide ibe iya kugqitywa, ukususela kwilitye lembombo layo ukuya kumphezulu wayo, kude kube akusayi kubakho nayiphina into esalayo engayi kugqitywa.

13 Inene ndithi kuni, ningasivumeli isicaka sam uJoseph, nasicaka sam uSidney, nasicaka sam uHyrum, bangene etyaleni kwakhona ngokwakhiwa kwendlu egameni lam;

14 Kodwa vumelani indlu yakhelwe egameni lam ngokunxulumene nomfuziselo endiya kuwubonisa bona.

15 Kwaye ukuba abantu bam abayakhi ngokunxulumene nomfuziselo endiya kuwubonisa ubumongameli babo, andisayi kuyamkela ezandleni zabo.

16 Kodwa ukuba abantu bam bayakha ngokomfuziselo endiya kuwubonisa kubumongameli babo, nkqu isicaka sam uJoseph nabacebisi bakhe, ngoko ke ndiya kuyamkela ezandleni zabantu bam.

17 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, yintando yam okokuba isixeko seFar West sibe siya khiwa ngokukhawuleza ngokuhlanganisana kwabangcwele bam;

18 Kananjalo ezinye iindawo ezonyulelwe iziteyki zeengingqi ezingqongileyo, njengoko ziya kubonakaliswa esicakeni sam uJoseph, amaxesha ngamaxesha.

19 Kuba qaphelani, ndiya kuba naye, kwaye ndiya kumngcwalisa phambi kwabantu; kuba ndimnike izitshixo zobu bukumkani nobufundisi. Nkqu kunjalo. Amen.