15. Yeriko
Le foto ibonisa izityalo zeYeriko zemihla yexesha langoku. Mandulo yayisisixeko esirhangqelweyo kwintlambo yoMlambo iYordan, ngeemitha ezingama-252 ngezantsi kolungelelwano lolwandle. Ngummandla otyebileyo wezolimo apho amasundu edatilisi negcume lemithi yesitrasi zichumayo. Kwindawo engasemva kukho iNtaba yokuHendwa esisithethe (Mat. 4:1–11).
Izehlo eziBalulekileyo: Kufutshane nale ndawo, uYoshuwa nabantwana bakaSirayeli bawela kuqala uMlambo iYordan, bengena kwilizwe lesithembiso (Yosh. 2:1–3; 3:14–16). INkosi ngommangaliso yenza iindonga zawa phantsi phambi kwemikhosi kaSirayeli (Yosh. 6; see also Heb. 11:30). UYoshuwa wabeka isiqalekiso kwisixeko (Yosh. 6:26), esazalisekiswayo (Ⅰ OoKum. 16:34). UElisha waphilisa amanzi aseYeriko (Ⅱ OoKum. 2:18–22). UMsindisi wadlula apha kutyelelo Lwakhe lokugqibela eYerusalem, ephilisa imfama uBhartimeyu waza wahlala kunye noZakeyu, umbuthi werhafu (Marko 10:46–52; Luka 18:35–43; 19:1–10). Indlela eya eYeriko esuka eYerusalem yayikho kumzekeliso womSamariya olungileyo (Luka 10:30–37). (Khangela I kZ Yeriko.)