3. Ntlango yakwaYuda
Intlango yakwaYuda ilele eMpumalanga yeYerusalem ize ihlele kuLwandle oluFileyo.
Izehlo eziBalulekileyo: Intlango yakwaYuda yayiyindawo yokusabela ebalulekileyo ngamaxesha amaninzi ezembali yakuqala. UDavide wazimela kuKumkani Sawule (Ⅰ Sam. 26:1–3). UYesu wazila iintsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40 (Mat. 4:1–11; Marko 1:12–13). UYesu wasebenzisa indlela evela eYerusalem eya eYeriko ephumela kwintlango yakwaYuda njengendawo yomzekeliso womSamariya olungileyo ngenxa yokuba abahambi abahamba bodwa babelixhoba elilula kuloo mmandla (Luka 10:25–37). (Khangela I kZ Lwandle oluFileyo.)