Uncedo lweZifundo
19. Kesareya neThafa laseSharon ukuya eKermele


19. Kesareya neThafa laseSharon ukuya eKermele

ifoto 19

Ijonge ngasemntla ngaphesheya kwedolophu enezibuko laseKesareya neThafa laseSharon. Kanjalo kwimbonakalo ecaleni komphezulu womfanekiso lulundi lwentaba iKarmele.

Izehlo eziBalulekileyo: UEliya wamelana nabaprofeti ababubuxoki bakaBahali eNtabeni yaseKarmele (Ⅰ OoKum. 18). IVia Maris (iNdlela yoLwandle), yindlela ebalulekileyo ngamaxesha amandulo, ilele empumalanga yaseKesareya. Emva kombono obalulekileyo ngethuba aseYafo, uPetros waqalisa ubufundisi phakathi kwabeeNtlanga ngokufundisa umthetheli-khulu wamaRoma ogama linguKorneli eKasare (Izenzo 10). UFilipu washumayela waza wahlala apha kwaye wayeneentombi ezine ezaprofethayo (Izenzo 8:40; 21:8–9). UPawulos wayelibanjwa kwisixeko iminyaka emibini (Izenzo 23–26). Washumayela kuFilikisi, uFesto, noHerode Agripa Ⅱ, owathi, “Phantse undeyisele ekubeni ndibe ngumKrestu” (Izenzo 26:28).