10. Zinyuko eziya eTempileni
Indawo yetempile yayahlulwe yaziintendelezo, nentendelezo yangaphandle yayimi emhlabeni ongezantsi. Abanquli bangena ngamasango ahlukahlukeneyo, kubandakanya lawo ayekhokelela ngaphezulu ukusuka kwezi zinyuko ukungena kwiintendelezo zangaphandle aze ngoko angene kwiintendelezo zangaphakathi. Amawaka abantu athi anyuka ezi zinyuko ngamaxesha amaninzi, kubandakanya uNyana kaThixo. Xa umkhosi kaTito watshabalalisa itempile ngowama-70 E.K., izinyuko zazigqunywe ngobutyobo. Enziwa azeka ziincutshe ngezakudala ngowe-1970 ngethuba lokugrumba inxenye yesixeko esidala saseYerusalem.
Izehlo eziBalulekileyo: UHezekile wabona umbono womlinganiselo nokuyilwa kwetempile yexesha elizayo (Hez. 40). (Khangela I kZ Tempile, Indlu yeNkosi.)