Uncedo lweZifundo
28. Dan


28. Dan

ifoto 28

Esi sixeko samandulo saseDan kwakusithiwa yiLeshem (Yosh. 19:47) okanye Lashiye (AbaG. 18:7, 14) phambi kokuba amaSirayeli oyise ilizwe. Imithombo ifunyanwa kwesi siza, kunye nimithombo eseKesareya Filipi, iyimithombo emikhulu yoMlambo iYordan. Isiza setempile kaYarobheham siboniswe ngomfanekiso apha.

Izehlo eziBalulekileyo: UAbraham wahlangula uLote (Gen. 14:13–16). Isizwe sikaDan sathimba ingingqi saza sathi ukuyibiza yiDan (Yosh. 19:47–48). UYarobheham wenza itempile yobuxoki ngethole legolide encedisileyo ekuweni kwezizwe ezilishumi zasentla (Ⅰ OoKum. 12:26–33). IDan yayisisixeko sakwaSirayeli esisemantla ngekugqithileyo—kungoko izibhalo zibhekisa elizweni lakwaSirayeli “ukusuka eBhersheba kwa nokuya eDan” (Ⅱ IziKr. 30:5; iBhersheba yayisisixeko esisemazantsi ngokugqithileyo). (Khangela I kZ Dan.)