Uncedo lweZifundo
21. Ntlambo yaseYizereli


21. Ntlambo yaseYizereli

ifoto 21

Ijonge emzantsi ntshonalanga ukusuka phezulu kweNtaba iTabhore ngakwinxenye yeNtlambo yaseYizereli, kanjalo yaziwa njengeThafa laseMegido. Nangona iNtlambo yaseYizereli isoloko icingelwa njengentlambo enye enkulu, ngenene iluthotho lweentlambo eziqhagamishela iThafa laseAko ngeNtlambo iYordan nommandla woLwandle lwase Galili. Intlambo yaseMegido, umzekelo, ikwinxenye yale Ntlambo esentshonalanga. INtlambo yaseYizereli yayiyindlela ebalulekileyo phesheya kweLizwe eliNgcwele phakathi koLwandle iMedithera ukuya entshonalanga neNtlambo yaseYordan ukuya empumalanga.

Izehlo eziBalulekileyo: Umendo oyintloko odibanisa iYiputa neMesopotami udlula ngale ntlambo, kwaye amadabi amaninzi ayesilwelwa apha (AbaG. 1:22–27; 5:19; Ⅱ OoKum. 23:29–30). Ungquzulwano olukhulu lokugqibela kweli lizwe luqala ngedabi laseArmagedon, eliya kuliwa kufutshane nje phambi koKuza kweSibini koMsindisi; ifumana igama layo iHara Megido, okanye iNtaba yaseMegido (Hez. 38; Yow. 3:9–14; Zek. 14:2–5; Isityh. 16:14–16).