20. Yafo
Ijonge ngasemntla ntshonalanga ngentla kwesixeko esilizibuko saseYafo.
Izehlo eziBalulekileyo: UYona waya eYafo ukuya kuthabatha inqanawa eya eTarshishe (Yona 1:1–3). IYafo yayiyidolophu elizibuko uSolomon noZerubhabheli kamva babeyisebenzisa xa babesizisa imithi evela kumahlathi emisedare aseLebhanon ekwakhiweni kweetempile zabo (Ⅱ IziKr. 2:16; Ezra 3:7). Apha uPetros wavusa uTabhita, kanjalo owayesaziwa njengoDorkas, wambuyisela ebomini (Izenzo 9:36–43). UPetros kanjalo waba nombono wezilwanyana ezicocekileyo nezingacocekanga, utyhila kuye imfuneko ukuba aqalise ubufundisi phakathi kweeNtlanga (Izenzo 10). UOrson Hyde wafika apha ukuba angcwalise iLizwe eliNgcwele ngowe-1841.