Uncedo lweZifundo
30. Korinte


30. Korinte

ifoto 30

IKorinte yayiyintloko dolophu yephondo laseRoma laseAkaya. Yayime kucinya oludibanisa amazwe idibanisa iPeleponeso nelizwe elikhulu lamaGrike, inezibuko kumacala omabini empumalanga nasentshonalanga. Yayisisixeko esilizibuko lobutyebi nefuthe.

Izehlo eziBalulekileyo: UPawulos wahlala eKorinte unyaka oneenyanga ezintandathu kwaye umise iBandla apha (Izenzo 18:1–18). UPawulos wabhalela amalungu eBandla iincwadi ezahlukeneyo kwinginqi yaseKorinte, ezimbini zazo ngoku zikwiTestamente eNtsha (KwabaseKorinte Ⅰ na-Ⅱ). INcwadi eya kumaRoma yayinokuba ibhalwe eKorinte.