Icandelo 110
Imibono yabonakaliswa kuJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery etempileni eKirtland, eOhio, April 3, 1836. Ithuba yayilelo lentlanganiso yosuku lweSabatha. Imbali kaJoseph Smith ichaza: “Ngemva kwemini, ndancedisa abanye aBongameli ekwabeleni iSidlo seNkosi eBandleni, lisamkela kwabaLishumi elineSibini, abalungelo labo elilodwa yayikukusebenza etafileni enyulu ngale mini. Emva kokuba kugqitywe ukwenziwa le nkonzo kubazalwana bam, ndahlala epulpitini, izigqumathelo zihlisiwe, kwaye ndagoba, kunye no-Oliver Cowdery, ngomthandazo ondilisekileyo nothuleyo. Emva kokuphakama emthandazweni, lo mbono ulandelayo wavulelwa kuthi sobabini.”
1–10, INkosi uYehova ibonakala isebuqaqawulini ize yamkele iTempile iKirtland njengendlu Yayo; 11–12, UMoses noEliyasi ngamnye kubo babonakala baze banikele izitshixo namaxesha okuzihlanganisela; 13–16, Eliya ubuya aze anikele izitshixo zexesha lakhe lolawulo njengoko kuthenjiswe nguMalaki.
1 Isigqumathelo sasithathiwe ezingqondweni zethu, namehlo ethu okuqonda avulwa.
2 Sabona iNkosi ime phezu komvalo wepulpiti, phambi kwethu; kwaye phantsi kweenyawo zayo kwakungumsebenzi ogangathiweyo wegolide esulungekileyo, unombala olubhelu.
3 Amehlo ayo ayenjengedangatye lomlilo; iinwele zentloko yayo zazinjengekhephu elisulungekileyo; imbonakalo yayo iqaqambe ngaphezu kokuqaqamba kwelanga; nelizwi layo lalinjengesandi samanzi amaninzi, nkqu ilizwi likaYehova, lisithi:
4 Ndisisiqalo nesiphelo; ndinguye lowo uphilayo, ndinguye lowo wabulawayo; ndingumthetheleli wenu kunye noBawo.
5 Qaphelani, izono zenu zixolelwe; nicocekile phambi kwam; ke ngoko, ziphakamiseni iintloko zenu kwaye nigcobe.
6 Mazigcobe iintliziyo zabazalwana benu, kwaye iintliziyo zabantu bam bonke mazigcobe, abakhele le ndlu egameni lam, ngamandlakazi abo.
7 Kuba qaphelani, ndiyamkele le ndlu, kwaye igama lam liya kuba lapha; kwaye ndiya kusibonakalisa isiqu sam ngenceba ebantwini bam kule ndlu.
8 Ewe, ndiya kubonakala ezicakeni zam, ndize ndithethe kuzo ngelizwi elilelam, ukuba abantu bam baya kuyigcina imiyalelo yam, baze bangayingcolisi le ndlu ingcwele.
9 Ewe iintliziyo zamawaka namashumi amawaka ziya kugcoba kakhulu kwisiphumo sezi ntsikelelo eziya kuthululwa, nesiphiwo ngaso, izicaka zam ebezisinikwe kuyo le ndlu.
10 Kwaye udumo lwale ndlu luya kunabela kumazwe asemzini; kwaye esi sisiqalo sentsikelelo eya kuthululelwa phezu kweentloko zabantu bam. Nkqu kunjalo. Amen.
11 Emva koku umbono wavaleka, amazulu kwakhona avulekela kuthi; kwaye kwavela uMoses phambi kwethu, waza wanikela kuthi izitshixo zokuhlanganisela uSirayeli kuzo zonke iimbombo zomhlaba, nokukhokela kwezizwe ezilishumi ukusuka kwilizwe lasemntla.
12 Emva koku, uEliyasi wavela, waza wanikela ixesha lokuhlanganisela le vangeli ka-Abraham, esithi okokuba kuthi nakwimbewu yethu zonke izizukulwana emva kwethu zimele ukusikelelwa.
13 Emva kokuba lo mbono uvaliwe, omnye umbono omkhulu nozukileyo wavela ngequbuliso phezu kwethu; kuba uEliya umprofeti, owayethatyathelwe ezulwini engakhange akungcamle ukufa, wema phambi kwethu, waza wathi:
14 Qaphelani, ixesha lifikile ngokuzeleyo, ekwakuthethwe ngalo ngomlomo kaMalaki—engqina okokuba lowo [uEliya] umele ukuthunyelwa, phambi kokuba imini enkulu neyoyikekayo yeNkosi ize—
15 Kubuyiselwe iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze umhlaba wonke ndiwuchithe ngokuwuphanzisa—
16 Ke ngoko, izitshixo zeli xesha lokuzihlanganisela zinikelwe ezandleni zenu; kwaye ngoku ninokwazi okokuba imini enkulu neyoyikekayo yeNkosi ikufuphi, nkqu eminyangweni.