Icandelo 131
Imiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eRamus, eIllinois, Meyi 16 no 17, 1843 1843.
1–4, Umtshato weselestiyali ubalulekile ekuphakanyiselweni kwelona zulu liphezulu; 5–6, Abantu batywinelwa njani kubomi obungunaphakade uyakuchaza; 7–8, Wonke umoya uyinto.
1 Kubuqaqawuli beselestiyali kukho amaqondo amathathu amazulu;
2 Kwaye ukuze azuze elona liphakamileyo umntu umele ukungena kolu hlobo lobubingeleli [oluthetha umnqophiso omtsha nowanaphakade womtshato];
3 Kwaye ukuba akenzi njalo, akanako ukubuzuza.
4 Unokungena kobunye, kodwa obo sisiphelo sobukumkani bakhe; akanako ukuba nokwanda.
5 (Meyi owe-17, 1843.) Ilizwi eliqiniseke ngakumbi lesiprofetho lithetha ukwazi komntu ukuba utywinelwe kubomi obungunaphakade, ngesityhilelo nomoya wesiprofetho, ngamandla woBubingeleli obuNgcwele.
6 Akwenzeki ukuba umntu asindiswe ekungazini.
7 Akukho nto injalo enjengento engento. Wonke umoya uyinto, kodwa ucoleke ngakumbi okanye umsulwa, kwaye unako kuphela ukucalulwa ngamehlo ahlambuluke ngakumbi;
8 Asinako ukuwubona; kodwa xa imizimba yethu ihlambulukile siya kukubona ukuba uyinto yonke.