Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 77


Icandelo 77

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, malunga noMatshi 1832. Imbali kaJoseph Smith ichaza nje “Malunga noguqulelo lweZibhalo, ndafumana inkcazelo elandelayo yeSityhilelo sikaYohane oNgcwele.”

1–4, Izilo zinoomoya kwaye ziya kuhlala kulonwabo lwanaphakade; 5–7, Lo mhlaba unobukho bethutyana lweminyaka engama-7,000; 8–10, Iingelosi ezahlukahlukeneyo zibuyisela ivangeli kwaye zilungiselela emhlabeni; 11, Utywino lwe-144,000; 12–14, UKrestu uya kuza ekuqalekeni kweminyaka yewaka lesixhenxe; 15, Abaprofeti ababini baya kuphakanyiswa kwisizwe samaYuda.

1 Umbuzo. Luyintoni ulwandle lwegilasi athethe ngalo uYohane, kwisahluko sesi-4, nevesi yesi-6 yeSityhilelo?Impendulo. Ngumhlaba, kwimo yawo, yokungcwaliswa, engenasiphelo, neyanaphakade.

2 Umb. Simele ukuqonda ntoni ngezilo ezine, athethe ngazo kwakule vesi?Imp. Zizizafobe, ezasetyenziswa nguMtyhili, uYohane, echaza izulu, iparadesi kaThixo, ulonwabo lwabantu, nolwezilo, nolwezinto ezirhubuluzayo, nolweentaka zezulu; oko kusisiqu somoya ngokomfuziselo woko kukokwethutyana; noko kukokwethutyana ngokomfuziselo woko kukokwasemoyeni; umoya womntu ngokomfuziselo womntu wawo, kanjalo njengomoya wesilo, nazo zonke izidalwa uThixo azidalileyo.

3 Umb. Ingaba izilo ezine ziphelele kwizilo ezizodwa, okanye zimele iindidi okanye ukulandelelana?Imp. Ziphelele kwizilo ezizodwa ezine, ezaziboniswe uYohane, ukumela ubuqaqawuli beendidi zeziqu kulandelelwano lwazo eziya kulo okanye izulu lendalo, eluvuyweni lolonwabo lwazo lwanaphakade.

4 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngamehlo namaphiko, izilo ezazinawo?Imp. Amehlo azo ayinkcazelo yokukhanya nolwazi, oko kukuthi, zizele lulwazi; namaphiko azo ayinkcazelo yamandla, ukushukuma, ukwenza, nje.

5 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngabadala abangamashumi amabini anesine, athethe ngabo uYohane?Imp. Sinokuqonda ukuba aba badala uYohane wababonayo, yayingabadala ababethembekile emsebenzini wobufundisi kwaye babefile; ababe ngabamabandla asixhenxe, kwaye ngoko beseparadesi kaThixo.

6 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngencwadi uYohane awayibonayo, eyayitywiniwe ngasemva ngamatywina asixhenxe?Imp. Sinokuqonda ukuba iqulathe intando etyhiliweyo, iimfihlelo, nemisebenzi kaThixo; izinto ezifihlakeleyo zoqoqosho lwakhe ngokunxulumene nalo mhlaba ngexesha leminyaka engemawaka asixhenxe lokuqhubekeka kwawo, okanye ubukho bawo bethutyana.

7 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngamatywina asixhenxe kunye noko ayetywinwe ngako?Imp. Sinokuqonda ukuba itywina lokuqala liqulathe izinto zewaka lokuqala leminyaka, kwaye elesibini kanjalo okwewaka lesibini leminyaka, kwaye kuqhubekeke kude kube lelesixhenxe.

8 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngeengelosi ezine, athethe ngazo kwisahluko sesi-7 nevesi yoku-1 yeSityhilelo?Imp. Sinokuqonda ukuba ziingelosi ezine ezathunyelwa ngaphambili zivela kuThixo, ekunikiweyo kuzo amandla phezu kwamagumbi omane omhlaba, ukusindisa ubomi nokutshabalalisa; ezi zizezo zinevangeli yanaphakade zinika sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu; zinamandla okuvala amazulu, okutywinela ebomini, okanye ukuphosela ezantsi kwimimandla yobumnyama.

9 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngengelosi enyukayo ivela empumalanga, iSityhilelo isahluko sesi-7 nevesi yesi-2?Imp. Sinokuqonda ukuba ingelosi enyukayo ivela empumalanga ngulowo kunikelwe kuye itywina likaThixo ophilileyo phezu kwezizwe ezilishumi elinesibini zikaSirayeli; ngako oko, umemeza kwiingelosi ezine ezinevangeli yanaphakade, esithi: Ningawenzi buhlungu umhlaba, nalulwandle, futhi nemithi, kude kube sitywine izicaka zikaThixo wethu emabunzini azo. Kwaye, ukuba niya kuyamkela, oku kungoEliyasi obeya kuza ahlanganisele kunye izizwe zikaSirayeli aze abuyisele zonke izinto.

10 Umb. Leliphi ixesha izinto ekuthethwe ngazo eziya kufezekiswa ngalo kwesi sahluko?Imp. Ziya kufezekiswa kwiminyaka yewaka lesithandathu, okanye ukuvulwa kwetywina lesithandathu.

11 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngokutywinwa kwamawaka alikhulu elinamashumi amane anesine, kuzo zonke izizwe zikaSirayeli—amawaka alishumi elinesibini kuzo zonke izizwe?Imp. Sinokuqonda ukuba abo batywiniweyo ngababingeli abakhulu, bamiselwa kuhlobo olungcwele lukaThixo, ukulungiselela ivangeli yanaphakade; kuba bangabo abo bamiselwe bephuma kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu, amandla phezu kwezizwe zomhlaba anikelwe kubo ngeengelosi, ekuziseni abaninzi njengoko beya kuza ebandleni leZibulo.

12 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngesandi samaxilongo, esikhankanyiweyo kwisahluko sesi-8 seSityhilelo?Imp. Sinokuqonda ukuba njengoko uThixo ihlabathi walidalangeentsuku ezintandathu, waza ngomhla wesixhenxe wawugqiba umsebenzi wakhe, waza wawungcwalisa, kananjalo wabumba umntu ngothuli lomhlaba, nkqu kunjalo, ekuqalekeni kweminyaka engamawaka angawesixhenxe iNkosi uThixo uya kuwungcwalisa umhlaba, ize igqibe usindiso lomntu, ize igwebe zonke izinto, kwaye iya kukhulula zonke izinto, ngaphandle koko ingakubekanga emandleni ayo, xa iya kube itywinele zonke izinto, ekupheleni kwazo zonke izinto; kwaye isandi samaxilongo eengelosi ezisixhenxe sikukulungiselela nokugqitywa komsebenzi wayo, ekuqalekeni kweminyaka engamawaka angawesixhenxe—ukulungiswa kwendlela phambi kwexesha lokuza kwayo.

13 Umb. Izinto zifezekiswa nini, ezibhalwe kwisahluko se-9 seSityhilelo?Imp. Ziya kufezekiswa emva kokutyhilwa kwetywina lesixhenxe, phambi kokuza kukaKrestu.

14 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngencwadana eyadliwa nguYohane, njengoko kukhankanyiweyo kwisahluko se-10 seSityhilelo?Imp. Sinokuqonda ukuba yayingumsebenzi, nomiselo, ukuhlanganisa kwakhe izizwe zikaSirayeli; qaphela, lo nguEliyasi, lowo, njengoko kubhaliwe, umele ukuza aze abuyisele zonke izinto.

15 Umb. Yintoni emasiyiqonde ngamangqina amabini, kwisahluko esiseseshumi elinanye seSityhilelo?Imp. Angabaprofeti ababini abamele ukuphakanyiselwa kwisizwe samaYuda kwimihla yokugqibela, ngexesha lobuyiselo, baze baprofethe emaYudeni emva kokuba ehlanganisiwe kwaye ethe akha isixeko saseYerusalem elizweni looyise.