Isahluko 12
UYesu ubiza kwaye anike igunya kwabalishumi elinesibini abadisipile—Unikela kumaNifayithi intetho efana neNtshumayelo yaphezu kweNtaba—Uthetha iZibhengezo zoYolo—Iimfundiso zakhe zodlula kwaye zithabatha indawo phezu komthetho kaMoses—Abantu bayalelwa ukuba bafezeke kwananjengokuba Yena noYise befezekile—Thelekisa Mateyu 5. Malunga E.K. 34.
1 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi kuye uNifayi, kwaye nakwabo babebiziwe, (ngoku inani labo babebiziwe, kwaye bamkela amandla negunya lokubhaptiza, babelishumi elinambini) kwaye qaphelani, wasolulela phambili isandla sakhe kuso isihlwele, waza wadanduluka kuso, esithi: Ninoyolo nina ukuba niya kunika inyameko kuwo amazwi aba balishumi elinambini endibonyuleyo phakathi kwenu ukuba bafundise kuni, nokuba babe zizicaka zenu; kwaye kubo ndinike amandla ukuze babe nokunibhaptiza ngamanzi; kwaye emva kokuba nibhaptiziwe ngamanzi, qaphelani, ndiya kunibhaptiza ngomlilo kwaye nangawo uMoya oyiNgcwele; ke ngoko ninoyolo nina ukuba niya kukholelwa kum kwaye nibhaptizwe, emva kokuba nindibonile kwaye nisazi okokuba ndikho.
2 Kwaye kwakhona, banoyolo ngakumbi abaya kukholelwa kuwo amazwi enu ngenxa yokuba niya kungqina okokuba nindibonile, nokuba niyazi okokuba ndikho. Ewe, banoyolo abo baya kukholelwa kuwo amazwi enu, baze behlele ezantsi kwinzulu yentobeko baze babhaptizwe, kuba baya kuvelelwa ngomlilo nangoMoya oyiNgcwele, kwaye baya kufumana uxolelo lwezono zabo.
3 Ewe, banoyolo abangamahlwempu ngomoya abathi beze kum, kuba ubukumkani bezulu bobabo.
4 Kwaye kwakhona, banoyolo bonke abo bakhedamileyo, kuba baya konwatyiswa bona.
5 Kwaye banoyolo abanobulali, ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.
6 Kwaye banoyolo bonke abo balambela baze banxanelwe ubulungisa, ngokuba baya kuzaliswa ngoMoya oyiNgcwele.
7 Kwaye banoyolo abanenceba, ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.
8 Kwaye banoyolo bonke abahlambulukileyo intlinziyo, ngoku baya kumbona uThixo.
9 Kwaye banoyolo bonke abaxolisi, ngokuba baya kubizwa ngokuba bangabantwana bakaThixo.
10 Kwaye banoyolo bonke abo batshutshiswa ngenxa yegama lam, ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
11 Kwaye ninoyolo nina xa abantu beya kuningcikiva banitshutshise, kwaye beya kuthetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam;
12 Kuba niya kuba novuyo olukhulu kwaye nivuye ngokugqithisileyo, kuba uya kuba mkhulu umvuzo wenu ezulwini; kuba babatshutshisa njalo abaprofeti ababekho ngaphambi kwenu.
13 Inene, inene, ndithi kuni, ndininika ukuba nibe yityuwa yomhlaba; kodwa ukuba ityuwa iya kuphelelwa sisongo sayo uya kuvakaliswa ngantoni na umhlaba? Ityuwa emva koko ayi kulungela nto, kodwa ukulahlelwa ngaphandle nokunyathelwa phantsi kweenyawo zabantu.
14 Inene, inene, ndithi kuni, ndininika ukuba nibe kukukhanya kubo aba bantu. Isixeko esimiswe endulini asinakufihlakala.
15 Qaphelani, ingaba abantu bayalikhanyisa na ikhandlela baze balibeke phantsi kwesitya? Hayi, kodwa phezu kwesiphatho sekhandlela, lize linike ukukhanya kubo bonke abo basendlwini;
16 Ke ngoko makukhanye kangako ukukhanya kwenu phambi kwabo aba bantu, ukuze babe nokuyibona imisebenzi yenu emihle baze bamdumise uYihlo osemazulwini.
17 Musani ukucinga ukuba ndize ukuba nditshabalalise umthetho okanye abaprofeti. Andizanga kutshabalalisa kodwa ukuzalisekisa;
18 Kuba inene ndithi kuni, iganyana elinye nasuntswana linye alidlulanga kuwo umthetho, kodwa ngam yazalisekiswa.
19 Kwaye qaphelani, ndininikile umthetho nemiyalelo kaBawo, ukuze nibe nokukholelwa kum, nokuze niguquke ezonweni zenu, kwaye nize kum ngentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo. Qaphelani, ninayo imiyalelo phambi kwenu, kwaye umthetho uzalisekisiwe.
20 Ke ngoko yizani kum nize nisindiswe; kuba inene ndithi kuni, ukuthi ngaphandle kokuba niya kuyigcina imiyalelo yam, endiniyalele yona ngeli lixa, aniyi kubanako nangayiphina indlela ukungena kubo ubukumkani bamazulu.
21 Nivile okokuba kuthethiwe ngabo belixa lakudala, kananjalo kubhaliwe phambi kwenu, okokuba akusayi kubulala, kwaye nabanina oya kubulala uya kuba sengozini yomgwebo kaThixo;
22 Kodwa nditsho kuni, ukuthi nabani na onomsindo kumntakwabo uya kuba sengozini yomgwebo wakhe. Kwaye nabanina oya kuthi kumntakwabo, Rakha, uya kuba sengozini yequmrhu; kwaye nabani na oya kuthi, Siyathandini, uya kuba sengozini kuso isihogo somlilo.
23 Ke ngoko, ukuba uya kuza kum, okanye uya kunqwenela ukuza kum, uze ukhumbule okokuba umntakwenu unento ngokuchasene nawe—
24 Hamba uye kumntakwenu, uze kuqala uxolise kumntakwenu, uze ke uze kum ngenjongo epheleleyo yentliziyo, kwaye ndiya kukwamkela.
25 Vumelanani kunye notshaba lwenu ngokukhawuleza ngeli lixa nisendleleni kunye nalo, hleze nangaliphi na ilixa lunizuze, nize niphoswe entolongweni.
26 Inene, inene, ndithi kuni, anisayi kubanako ukuphuma apho nide nibe nihlawule neyona yokugqibela isenayini. Kwaye ngeli lixa nisentolongweni ingaba ninako ukuhlawula kwanenye isenayini? Inene, inene, ndithi kuni, Hayi.
27 Qaphelani, kubhaliwe ngabo abamandulo, okokuba anisayi kukrexeza;
28 Kodwa ndithi kuni, ukuthi nabani na okhangela kumfazi, ukuze amnqwenele, sele ekrexezile entliziyweni yakhe.
29 Qaphelani, ndininika umyalelo, okokuba ningavumeli nanye yezi zinto ukuba ingene entliziyweni yenu;
30 Kuba kulungile ukuba ningazilvimba kwezi zinto, ngokuthi niwuthwale umnqamlezo wenu, kunokuba ningaphoselwa esihogweni.
31 Kubhaliwe, okokuba nabani na oya kumlahla umfazi wakhe, makamnike uqhawulo mtshato olubhaliweyo.
32 Inene, inene, ndithi kuni, ukuthi nabani na oya kumlahla umfazi wakhe, ngaphandle kwesizathu sokubula, umbangela ukuba akrexeze; kwaye nabani na oya kuthi amtshate lowo ulahliweyo uyakrexeza.
33 Kwaye kwakhona kubhaliwe, anisayi kufunga nixoka, kodwa niya kuzenza kuyo iNkosi izifungo zenu;
34 Kodwa inene, inene, ndithi kuni, musani ukufunga kwaphela; nangezulu, kuba liyitrone kaThixo;
35 Nangawo umhlaba, kuba usisihlalo seenyawo zakhe;
36 Ningasayi kufunga nangentloko yenu, ngenxa yokuba akunako nokwenza nonwele olunye lubemnyama okanye mhlophe;
37 Kodwa uthungelwano lwenu malube nguEwe, ewe; Hayi, hayi; kuba nantoni na ephumayo engaphezulu kunezi ibububi.
38 Kwaye qaphelani, kubhaliwe, iliso ngeliso, nezinyo ngezinyo;
39 Kodwa nditsho kuni, ukuthi aniyi kumelana nobubi, kodwa nabani na oya kunibetha esidleleni senu sasekunene, guqulela kuye nesinye kanjalo;
40 Kwaye ukuba nawuphina umntu uya kukumangalela emthethweni aze ahluthe ingubo yakho yangaphantsi, mnike nesambatho sakho kanjalo;
41 Kwaye nabani na oya kuninyanzela ukuba nihambe imayile, hambani naye ezimbini.
42 Mpheni lowo ucelayo kuni, kwaye nalowo oya kuthi aboleke kuni ningamgxothi.
43 Kwaye qaphelani kubhaliwe kanjalo, okokuba uya kumthanda ummelwane wakho uze uluthiye utshaba lwakho;
44 Kodwa qaphelani ndithi kuni, thandani iintshaba zenu, nibasikelele abo baniqalekisayo, yenza okulungileyo kwabo banithiyileyo, nize nibathandazele abo benza ngenkohlakalo kuni baze banitshutshise;
45 Ukuze nibe nokuba ngabantwana boYihlo osezulwini; kuba ulenza ilanga lakhe liphakame kwabanobubi kwaye nakwabalungileyo.
46 Ke ngoko ezo zinto ezaye zizezamaxesha akudala, ezaye ziphantsi komthetho, ngam zonke zizalisekisiwe.
47 Izinto ezindala zidlule, kwaye zonke izinto zisuke zabantsha.
48 Ke ngoko ndinga ningafezeka kwananjengokuba mna, okanye uYihlo osemazulwini efezekile.