Scripture Stories
IKhaya Elitsha kwiLizwe LeSithembiso


“IKhaya Elitsha kwiLizwe LeSithembiso,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“IKhaya Elitsha kwiLizwe LeSithembiso,” Amabali eNcwadi kaMormoni

2 Nifayi 4–5

IKhaya Elitsha kwiLizwe LeSithembiso

AmaNifayithi namaLeymenayithi

Umfanekiso
iintsapho zijikeleze uLihayi

Usapho lukaLihayi noSaraya lwahlala lukhula kwilizwe lesithembiso. Oonyana babo baba nabantwana. ULihayi wayesele emdala. Ngaphambi kokuba afe, wanikeza iintsikelelo kubantu bosapho lwakhe. Wabaxelela ukuba xa begcine imithetho kaThixo, iNkosi iya kubanceda.

2 Nifayi 4:3–12

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bejonge uNifayi

Emva kokuba uLihayi efile, uNifayi wabakhokela abantu. Wabaxelela ukuba bathobele iNkosi. ULeymeni noLemuweli babanomsindo. Babefuna ukubulala uNifayi ukuze bakhokele endaweni yakhe.

2 Nifayi 4:13; 5:1–4

Umfanekiso
iqela labantu abahambayo

INkosi yaxelela uNifayi ukuba ahambe kunye nosapho lwakhe kunye nabani na owayefuna ukulandela iNkosi. Bahamba iintsuku ezininzi baza bafumana indawo entsha yokuhlala.

2 Nifayi 5:1, 5–8

Umfanekiso
abantu abalimayo

Abo bahamba noNifayi babebizwa ngokuba ngamaNifayithi, kwaye abo basalayo babebizwa ngokuba ngamaLeymenayithi. AmaNifayithi acela uNifayi ukuba awakhokele. Basebenza nzima. Babelima, befuya izilwanyana, kwaye bakha itempile yaye nezinye izakhiwo. Ababingeleli nabafundisi babafundisa ngeNkosi, kwaye abantu babonwabile.

2 Nifayi 5:9–11, 13–17, 26–27

Shicilela