Scripture Stories
UKoreyantan


“UKoreyantan,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 39–42

UKoreyantan

Ukubuyela kwakhona eNkosini

Umfanekiso
UKoreyantan efundisa abantu

UKoreyantan wayengomnye woonyana baka-Alma. Wahamba noyise, umntakwabo uShiblon, nabanye ukuya kufundisa iqela labantu elalibizwa ngokuba ngamaZoramayithi ngevangeli kaYesu Krestu.

Alma 31:5– 7; 32:1

Umfanekiso
UKoreyantan esela kunye nabantu

Ngelixa uKoreyantan wayekunye nabantu, walingeka ukuba enze isono. Kunokuba athobele iNkosi, wakhetha ukwenza izinto ezazichasene nemithetho kaThixo. Ngenxa yoko wakwenzayo, abanye bamaZoromayithi abazange bayikholelwe into eyayifundiswa ngu-Alma noonyana bakhe.

Alma 39:2–5, 11–12

Umfanekiso
U-Alma ethetha noKoreyantan

U-Alma wamema uKoreyantan ukuba aguquke kwaye ajikele eNkosini ukuze axolelwe. UKoreyantan wayenexhala malunga neenxalenye zecebo leNkosi. U-Alma wanceda unyana wakhe ukuba aqonde icebo leNkosi lovuyo, iNtlawulelo kaKrestu, uvuko ekufeni, nobomi emva kokufa. U-Alma wamkhumbuza ukuba iNkosi inomsebenzi ekufuneka awenze.

Alma 39:7–9, 13–19, 40–42

Umfanekiso
UKoreyantan efundisa abantu

UKoreyantan wamamela uyise. Waba nokholo kuYesu waza waguquka ezonweni zakhe. Wafunda ukuba iNkosi ililungisa, kwaye inobubele nothando. UKoreyantan wafundisa kwakhona kunye noyise nomntakwabo. Bafundisa abantu abaninzi ngovuyo noxolo lwenguquko kunye nokuphila ivangeli kaYesu Krestu.

Alma 42:30–31; 43:1–2; 48:17–18

Shicilela