“USamuweli uMprofeti,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)
USamuweli uMprofeti
Ufundisa ngokuzalwa kwaye nokufa kukaYesu
Umprofeti wamaLeymenayithi ogama linguSamuweli waya kufundisa amaNifayithi eZarahemla. Yena wafundisa ngenguquko AmaNifayithi awazange amamele kwaye bamphosela ngaphandle kwesixeko.
USamuweli wayezobuyela ebantwini bakhe. Kodwa iNkosi yamxelela ukuba abuyele ayokuwafundisa amaNifayithi.
INkosi yamxelela uSamuweli ukuba Yona iyakumxelela into ekumele ayithethe. USamuweli wayithobela iNkosi. Wabuyela eZarahemla. Kodwa amaNifayithi ayengamvumeli angene kwisixeko.
USamuweli wakhwela phezu kodonga lesixeko. Wathetha izinto ezifakwa yiNkosi entliziyweni yakhe. Walumkisa abantu ukuba bayakutshatyalaliswa ngenxa yokuba babesenza izinto ezingalunganga. Wathi yinguquko kuphela nokholo kuYesu Krestu ezazinokubasindisa bona. Wathi uYesu, uNyana kaThixo, uyokuzalwa kwiminyaka emihlanu ezayo.
Hilamani 13:4–11; 14:2, 8, 12–18
USamuweli wathi kuyakubakho iimpawu zokuzalwa kukaYesu. Wabaxelela abantu ukuba bazikhangele iimpawu. Enye impawu iyakuba bubusuku obungenabo ubumnyama. Ezinye iimpawu ziyakuba yinkwenkwezi entsha kwaye nezinto ezininzi ezimanagazayo ziyakubonakala esibhakabhakeni.
USamuweli wayefuna abantu babenokholo kuYesu. Wathi uYesu uya kufa aze avuswe ekufeni ukuze bonke abantu basindiswe ukuba bayaguquka.
USamuweli wathi kuyakubakho iimpawu zokufa kukaYesu. Abantu bebengayi kulibona ilanga, inyanga okanye iinkwenkwezi. Bekungayi kubakho kukhanya iintsuku ezintathu.
Kuya kubakho iindudumo nemibane. Kwakuza kufika iinyikima, nezixeko zitshatyalaliswe.
Abanye abantu bamkholelwa uSamuweli, kodwa amaNifayithi amaninzi ayenomsindo ngakuye. Bamgibisela ngamatye kwaye bamdubula ngeentolo. INkosi yamkhusela uSamuweli njengoko wayeme kudonga. Akukho nalinye ilitye notolo elalinokumbetha.
Xa kwakungekho mntu unokumbetha uSamuweli, abantu abaninzi ngakumbi bawakholelwa amazwi akhe. Kodwa uninzi lwabantu lwalusenomsindo. Bazama ukumthatha uSamuweli kwaye bambophelele. USamuweli waqhwesha kwaye wagoduka. Waqhubekeka ebafundisa abantu bakhe.
AmaNifayithi amkholelwayo uSamuweli aguquka kwaye abhaptizwa ngumprofeti uNifayi. Bakholelwa kuYesu kwaye bajonga imiqondiso yokuzalwa kukaYesu awayebaxelele ngayo uSamuweli.