“UNifayi uMprofeti,” Book of Mormon Stories (2023)
UNifayi uMprofeti
Ukufumana amandla amakhulu eNkosini
Iqela elalibizwa ngokuba ngabaphangi bakaGadiyantoni lalawula isixeko saseZarahemla. Bathembisa ukuba bayokuncedana benze izinto ezimbi. Baphanga kwaye bonzakalisa abantu kuze bafumane imali namandla. Uninzi lwabantu lazinxulumanisa nabaphangi. Babefuna ukuba zizityebi.
Umprofeti uNifayi wayehlala eZarahemla. UNifayi wathandaza kuThixo kuba wayebuhlungu kukuba abantu babengayilandeli imiyalelo kaThixo. UNifayi wabacela abantu ukuba bakhumbule konke uThixo abenzele kona. Kodwa abantu abaninzi abazange baphulaphule. Babekhathalele imali namandla kunokuthobela uThixo.
UNifayi wabalumkisa abantu ngabaphangi. Wathi kwakufuneka ukuba baguquke. Abanye abagwebi bamaNifayithi babezinxulamanise nabaphangi. Babenomsindo kuNifayi kwaye bathi uyaxoka. Babefuna abantu bamqumbele uNifayi naye.
UNifayi uthe ukuba uThixo uxelela abaprofeti baKhe izinto ezininzi. UNifayi ubaxelele ukuba bonke abaprofeti bafundisa ngokuza kukaYesu Krestu. Wathi abaprofeti babelumkisa abantu ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa ukuba babengaguquki. Wabanceda bakhumbula ukuba iYerusalem yayitshatyalalisiwe.
Ngosuku olulandelayo, abagwebi babuza uNifayi imibuzo ukuze bamqhathe. UNifayi ubaxelele ngobubi obuphakathi kwabo. Abanye abantu bamkholelwa uNifayi kwaye bayazi ukuba ungumprofeti.
Abanye abakhange bamkholelwe. Bonke baxambulisana emva koko bahamba. UNifayi wacinga ngako oko wayekufundiswe yiNkosi. Wayebuhlungu ngenxa yezenzo ezimbi zabantu.
INkosi yathetha noNifayi. Yona yayonwabile kuba uNifayi wayebafundisile abantu. Ngenxa yendlela uNifayi wayethobele ngayo, iNkosi yamnika amandla akhethekileyo phezu kwezinto ezisemhlabeni nase zulwini. INkosi yayisazi ukuba uNifayi wayeya kusebenzisa amandla kuphela ukunceda abantu baguquke.
INkosi yamxelela uNifayi ukuba abuyele kubo abantu kwaye abaxelele ukuba baguquke. UNifayi waya ngoko nangoko. Kodwa abantu babenomsindo ngakuye kwaye abakhange bamamele.
Bazama ukumfaka uNifayi entolongweni. Kodwa uMoya kaThixo wanceda uNifayi ukuba aqhweshe.
UNifayi waqhubekeka efundisa ilizwi likaThixo. Abantu abazange bamamele. Baqalisa ukuphikisana nokulwa omnye nomnye. Abaphangi bamenza wamandundu umlo. Kungekudala, kwabakho iimfazwe kuzo zonke izixeko. Abantu abaninzi babesonzakala okanye bebulawa. UNifayi wayebuhlungu. Wayengafuni abantu batshatyalaliswe ziimfazwe.
UNifayi wacela uThixo ukuba enze indlala enkulu ukuze abantu bayikhumbule iNkosi kwaye baguquke. Kwakungekho mvula iminyaka emininzi. Umhlaba wawomile, kwaye izityalo zazingakwazi ukukhula. Abantu babelambile. Bayeka ukulwa kwaye baqalisa ukuyikhumbula iNkosi. Abantu baguquka kwaye babasusa abaphangi.
Abantu bacela uNifayi ukuba athandaze kwiNkosi. UNifayi wabona ukuba babeguqukile kwaye abaphangi babengasekho. Wacela iNkosi ukuba athumelisa imvula. INkosi yawuphendula umthandazo kaNifayi. Imvula yafika, kwaye izityalo zaqalisa ukukhula. Abantu bambulela uThixo. Babesazi ukuba uNifayi wayengumprofeti kwaye wayenamandla amakhulu avela kuThixo.