Amabali Ezibhalo
UYesu Ubuyela kuYise


“UYesu Ubuyela kuYise,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

3 Nifayi 28; 4 Nifayi 1

UYesu Ubuyela kuYise

Ukhonza abafundi baKhe ngaphambi kokuba Yena ahambe

UYesu Krestu uthetha neqela labantu

UYesu wayebafundisile abantu ivangeli yaKhe. Wayebafundise ukuba bathande uThixo kwaye bakhonzane. Kungekudala, uYesu wayeza kubuyela kuYise. Wacela abafundi bakhe ukuba baqhubeke befundisa abantu emva kokuba Yena emkile.

3 Nifayi 11:41; 28:1

UYesu Krestu uyancuma kwaye wolula isandla saKhe

Ngaphambi kokuba Yena ahambe, uYesu wabuza ngamnye wabafundi baKhe into ababengathanda ukuba abenzele yona. Uninzi lwabafundi bathi babefuna ukuhlala noYesu emva kokuba begqibile ukumkhonza Yena emhlabeni. UYesu wabathembisa ukuba baya kuhlala naYe emva kokuba befile.

3 Nifayi 28:1–3

abafundi abathathu bakhangeleka benexhala

Abafundi abathathu babebuhlungu ngenxa yokuba babenexhala lokumxelela uYesu oko babekufuna. Kodwa uYesu wayeyazi into ababeyifuna kuye. Babefuna ukuphila de kube kukuBuya kweSibini koMsindi ukuze bancede abantu abaninzi beze kuYesu.

3 Nifayi 28:4– 7, 9

UYesu Krestu uthetha nabafundi abathathu.

UYesu wabathembisa ukuba abayi kufa. Babeza kuhlala emhlabeni kwaye bancede abantu beze kuYe kude kube Kukuza kwaKhe kweSibini.

3 Nifayi 28:7–11

UYesu Krestu unyukela phezulu emoyeni kwaye urhangqwe kukukhanya.

UYesu wachukumisa umfundi ngamnye ngomnwe waKhe ngaphandle kwabathathu ababefuna ukuhlala. Emveni koko uYesu wahamba wabuyela kuBawo waseZulwini.

3 Nifayi 28:1, 12

abafundi abathathu bancuma kwaye bakhanya kancinci

Emva koku, amazulu avuleka kwaye abafundi abathathu bathatyathelwa phezulu ezulwini. Babona kwaye beva izinto ezininzi ezimangazayo kwaye baxelelwa ukuba bangathethi ngazo. Imizimba yabo yajikwa kananjalo ukuze bangafi okanye bangavi ntlungu.

3 Nifayi 28:13–15, 36–40

abafundi babaptiza abantu

Abafundi babuyela kwaye baqhubekeka ukufundisa abantu ngoYesu. Abantu babefuna ukulandela uYesu kwaye babaptizwa kwiBandla laKhe. Uthando lukaThixo lwalusezintliziyweni zabo, kwaye babelana ngento yonke abanayo umntu ngamnye. Babonwabile, kwaye uThixo wabasikelela. Bahlala ngoxolo iminyaka ephantse ukufika ku-200.

3 Nifayi 28:16-18, 23; 4 Nephi 1:1-23