“UYesu Usekelela Abantwana” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)
UYesu Usikelela Abantwana
Ebonisa uthando lwaKhe kubo
UYesu Krestu wayebafundise abantu izinto ezinizi. Wababona ukuba babedinga ixesha lokucinga ngezinto ababezifundile. Wabacela ukuba baye ekhaya kwaye bathandaze kuBawo waseZulwini ukuze baqonde oko Yena wayebafundise kona. Emva koko uYesu wabathembisa ukuba ndwendwela kwakhona ngosuku olulandelayo.
Abantu bakhala kuba babefuna uYesu ahlale nabo ithuba elide. UYesu wayebathanda abantu. Wayebona ukuba ukholo lwabo lwalomelele kakhulu. Wabacela ukuba bazise kuye nabani na ogulayo okanye owenzakeleyo nangayiphi na indlela. Wayefuna ukubaphilisa ngamnye wabo.
Abantu baze kuYe kunye namalungu entsapho zabo nezihlobo. UYesu wabaphilisa bonke. Babenwanile kakhulu. Baguqa baphuza iinyawo zaKhe.
UYesu wabacela bazise abantwana babo abancinci kuYe. Abantu babazisa abantwana babo kwaye bababeka phantsi berhangqe uYesu.
Emva kokuba bonke abantwana belapho kunye naye, uYesu wacela abantu ukuba baguqe emhlabeni. Waguqa naYe. Emveni koko Yena waze wathandaza kuBawo waseZulwini. Wathetha izinto ezimangalisayo kangangokuba amazwi akhe ayengenakubhalwa phantsi. Abantu bazaliswa luvuyo.
UYesu wabaxelela abantu ukuba basikelelekile ngenxa yokholo lwabo kuYe. UYesu wava olona vuyo lukhulu kangangokuba waqalisa ukulila.
Emva koko uYesu wasikelela umntana ngamnye ngamnye. Wathandazela kuBawo waseZulwini omnye nomnye wabo. Emva koko Yena wacela abantu ukuba babajonge abantwana babo.
Iingelosi zeza zivela ezulwini kwaye zahlanganisa ngokurhangqe abantwana. Njengoko iingelosi zazisikelela abantwana, ukukhanya kwasezulwini kwabajikeleza. Ngolunye usuku, uYesu wadibana nabo kwaye wabasikelela abantwana kwakhona. Wabasikelela kananjalo abantwana ukuba bakwazi ukuthetha. Kwathetha neentsana. Abantwana bafundisa abazali babo izinto ezimangalisayo.