Scripture Stories
UKumkani wawo Onke amaLeymenayithi


“UKumkani wawo Onke amaLeymenayithi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“UKumkani wawo Onke amaLeymenayithi” Amabali eNcwadi kaMormoni

Alma 20; 22–23

UKumkani wawo Onke amaLeymenayithi

Ukufuna ukufunda ngeNkosi

Umfanekiso
ukumkani unomsindo kuLamonayi no-Amon

AmaLeymenayithi ayenokumkani owayelawula phezu kwabo bonke abanye ookumkani babo. Wayenguyise kaKumkani uLamonayi. Wayecinga ukuba amaNifayithi aziintshaba. Ngenye imini, wabona uLamonayi kunye no-Amon. UKumkani wabuza uLamonayi ukuba wayesenza ntoni kunye nomNifayithi. ULamonayi waxelela ukumkani ukuba babehamba uyo kukhulula abantakwe baka-Amon entolongweni.

Mozaya 10:11–17; Alma 20:1–12

Umfanekiso
ukumkani ethetha

UKumkani wabanomsindo. Wayecinga ukuba amaNifayithi ayexoka ukuzama ukuba kumaLeymenayithi. Waxelela uLamonayi ukuba abulale u-Amon aze ahambe kunye naye.

Alma 20:13–14

Umfanekiso
uLamonayi ethetha

ULamonayi akazange ambulale u-Amon. Waxelela ukumkani ukuba u-Amon nabantakwabo babengabaprofeti bakaThixo. Wathi uya kubanceda abantakwe baka-Amon.

Alma 20:15

Umfanekiso
ukumkani no-Amon besilwa

UKumkani walikhupha ikrele lakhe ukuze enzakalise uLamonayi, kodwa u-Amon wamnqanda. Ukumkani wahlasela u-Amon endaweni yoko. U-Amon wazikhusela. Wenzakalisa ingalo kakumkani ukuze ukumkani angakwazi ukulwa. UKumkani wayesoyika ngenxa yendlela awayenamandla ngayo u-Amon. Wathembisa ukunika u-Amon isiqingatha sobukumkani bakhe ukuba u-Amon wayenokumyeka aphile.

Alma 20:16–23

Umfanekiso
U-Amon ethetha nokumkani

U-Amon wayengabufuni ubukumkani. Endaweni yoko, yena wacela ukumkani ukuba akhulule abantakwabo entolongweni. Kananjalo wacela ukumkani ukuba ayeke ukuba nomsindo kuLamonayi. U-Amon wathi ukumkani kufuneka avumele uLamonayi alawule ngendlela acinga ukuba ilungile.

Alma 20:24

Umfanekiso
ukumkani ecinga

UKumkani wamangaliswa yindlela u-Amon amthanda ngayo uLamonayi. Wavuma ukwenza yonke into ayicelayo u-Amon.

Alma 20:25–27

Umfanekiso
Ukumkani onwabile kwaye ethetha noLamonayi no-Amon

UKumkani wayefuna ukufunda ngakumbi malunga noko u-Amon noLamonayi babemxelela ngoThixo. Wacela u-Amon nabantakwabo ukuba beze bazomfundisa.

Alma 20:27

Umfanekiso
U-Amon noLamonayi benceda abantakwe baka-Amon

U-Amon noLamonayi baya kwilizwe laseMidonayi. Abantakwe baka-Amon babesentolongweni apho. Babebotshelelwe ngeentambo yaye benganikwa kutya namanzi. ULamonayi wacenga umlawuli waseMidonayi ukuba akhulule abantakwe baka-Amon.

Alma 20:28–30

Umfanekiso
U-Aron eguqe phambi kokumkani

Bakuba bekhululiwe, abantakwe baka-Amon baya kuyise kaLamonayi. Baqubuda kukumkani kwaye bacela ukuba babe ngabakhonzi bakhe. UKumkani wathi hayi. Endaweni yoko, wayefuna ukuba bamfundise ngevangeli. Omnye wabantakwe yayingu-Aron. Wafundela ukumkani izibhalo kwaye wamfundisa ngoThixo noYesu Krestu.

Alma 22:1–14

Umfanekiso
U-Aron nokumkani bethandaza

UKumkani wamkholelwa u-Aron. Wathi uyakunikela bonke ubukumkani bakhe ukuze amazi uThixo. Wabuza u-Aron into amakayenze. U-Aron waxelela ukumkani ukuba aguquke kwaye athandaze kuThixo ngokholo. UKumkani waguquka kuzo zonke izono zakhe waza wathandaza.

Alma 22:15–18

Umfanekiso
Ukumkani esiwa phantsi

UKumkani wawa emhlabeni. Izicaka zikakumkani zabaleka ukuya kuxelela ukumkanikazi.

Alma 22:18–19

Umfanekiso
Ukumkanikazi unomsindo

UKumkanikazi weza waza wambona ukumkani emhlabeni. Wayecinga ukuba u-Aron nabantakwabo bambulele ukumkani. UKumkanikazi wabanomsindo.

Alma 22:19

Umfanekiso
Ukumkanikazi ekhomba u-Aron

UKumkanikazi waxelela izicaka ukuba zibulale u-Aron nabantakwabo. Kodwa izicaka zazisoyika. Bathi u-Aron nabantakwabo bomelele kakhulu. Ngoku ukumkanikazi wayesoyika. Wathuma izicaka ukuba ziye kuxelela abantu besixeko okwenzekileyo. Wayenethemba lokuba abantu baya kumbulala u-Aron nabantakwabo.

Alma 22:19–21

Umfanekiso
U-Aron encedisa ukumkani ukuphakama

U-Aron wayesazi ukuba abantu bayakuba nomsindo. Wayesazi kananjalo ukuba ukumkani wayengafanga. Wamncedisa ukumkani ukuba aphakame. UKumkani wafumana amandla akhe wabuya wema. UKumkanikazi nezicaka bamangaliswa.

Alma 22:22–23

Umfanekiso
Ukumkani efundisa ukumkanikazi nezicaka

UKumkani wafundisa ukumkanikazi nezicaka ngoYesu. Bonke bakholelwa kuYesu. UKumkani wayefuna bonke abantu bakhe bafunde ngoYesu. Wenza umthetho wokuba u-Aron nabantakwabo bebenokufundisa ivangeli naphi na ebukumkanini bakhe. Babafundisa abantu kwaye babiza ababingeleli nabafundisi elizweni.

Alma 22:23–27; 23:1–4

Shicilela