“UYesu Wabelana ngoMthendeleko,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)
UYesu Wabelana ngoMthendeleko
Soloko simkhumbula Yena
Emva kokuba uYesu ephilise abagulayo kwaye esikelele abantwana abancinci, Yena wazisa umthendeleko kubo bonke abantu ababehlanganisene ukuza kumphulaphula Yena. Wacela abafundi baKhe ukuba baze nesonka newayine.
UYesu waqhekeza isonka kwaye wasisikelela. Wasinika abafundi baKhe ukuze batye. Wacela abafundi ukuba banike bonke abantu isonka.
UYesu uthe wonke umntu okholelwa kuYe kwaye wabaptizwa kumele asitye isonka. Xa besenza njalo, kumele bakhumbule umzimba waKhe. Wabakhumbuza abantu xa beva amanxeba ezikhonkwane ezandleni zaKhe nasezinyaweni nenxeba kwicala laKhe.
Emveni koko uYesu wanika abafundi iwayine ukuze basele. Wacela abafundi ukuba banike bonke abantu iwayine.
UYesu wathi wonke umntu oguqukileyo wabhaptizwa ufanele asele iwayini. Ucele wonke omntu oyiseleyo iwayine ukuba bakhumbule igazi laKhe. Wabakhumbuza ukuba Yena wanikela ngegazi laKhe xa wayebandezeleka waza wabafela.
UYesu wathi ukutya sona isonka nokusela iwayine yayingumyalelo. Ngokutya isonka nokusela iwayine, abantu babonisa uBawo waseZulwini ukuba bafuna ukugcina imiyalelo yaKhe kwaye bakhumbule uYesu. UYesu uthe bayakusikelelwa ngoMoya oyiNgcwele ukuba bayakuzenza ezi zinto.
Emva kokuba abantu betyile isonka baza basela newayini, bazaliswa nguMoya oyiNgcwele. Baza abantu bamdumisa uYesu.