“UYesu uFundisa Abantu,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)
UYesu Ufundisa Abantu
Ebanceda bafunde ivangeli laKhe
Abantu baseMelika bebevuya ukubona uYesu Krestu kwaye bamve efundisa. Babe linde iminyaka emininzi ukuze uMsindisi afike.
UYesu wabafundisa izinto ezininzi ezifanayo awazifundisa abantu kufutshane neYerusalem. Wabafundisa ukuba babe nokholo, baguquke, baze babhaptizwe. Ukuba abantu bebezenza ezi zinto, uThixo ebeya kubathumela uMoya oyiNgcwele. UYesu wabafundisa indlela yokuthandaza. Wabacela ukuba babaxolele abanye. Wayefuna babe ngumzekelo kwabanye.
3 Nifayi 11:31–39; 12:22–24, 44; 13:5–14; 17:8; 18:15–24
UYesu waxelela abantu ukuba bagoduke kwaye bathandaze kuThixo ukuba abancede baqonde oko Yena wayebafundise kona. Yena uthe uzokubuya ngosuku olulandelayo.
Ngobabusuku, abantu baxelela abanye ukuba bambonile uYesu. Bathetha ngezinto Yena azithethileyo nazenzileyo. Abantu abaninzi bahamba ubusuku bonke ukuze babone uYesu.
Ngosuku olulandelayo, abantu bahlanganisana kunye nabafundi bakaYesu abalishumi elinambini. Abafundi bafundisa abantu yonke into eyayifundiswe nguYesu. Baguqa phantsi emhlabeni bathandaza.
Wandula weza uYesu. Wathandazela abafundi kwaye nabo abantu. Nabafundi bathandaza nabo. Baqala ukuqaqamba njengoMsindisi. UYesu wayonwabile. Abafundi baya babanyulu ngenxa yokholo lwabo kuYe. UYesu wathandaza kwakhona, kwaye abantu bamva Yena ethetha izinto ezimangazayo.
Iintsuku ezimbalwa ezilandelayo, uYesu ufundise abantu izinto ezininzi ngecebo lika Bawo waseZulwini. Wabelana kananjalo ngomthendeleko kunye nabo. Bonke abantu elizweni bakholwa kuYesu Krestu kwaye babhaptizwa. Emva koko bamkela isipho soMoya oyiNgcwele.
Abantu bancedana kwaye babelana ngento yonke ababenayo. Benza yonke into uYesu awayebayalele yona ukuba bayenze. Babebizwa ngokuba liBandla lika Krestu. UBawo waseZulwini noYesu Krestu babonwabe kakhulu ngabantu.