“UMormoni uMprofeti,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)
Amazwi kaMormoni 1; Mormoni 1–8
UMormoni uMprofeti
Ukubhala iNcwadi kaMormoni
UMormoni wayengumNifayithi owayekholelwa kuYesu Krestu. Wakhula ngexesha apho abantu abaninzi babengayithobeli imiyalelo kaThixo. Abantu babephanga baze babulalane ngenxa yemali namandla. Kwakukho iimfazwe ezininzi.
3 Nifayi 5:12–13; 4 Nifayi 1:27–49; Mormoni 1:1–3, 15, 18–19
UMormoni xa wayene minyaka eyi-10, indoda ekuthiwa ngu-Amaroni yeza kuye. U-Amaroni wazikhathalela iingxelo zembali zamaNifayithi. UAmaroni wayemthembile uMormoni kwaye wamxelela ukuba iimbali zazifihlwe kwindulini. U-Amaroni wathi xa uMormoni wayeneminyaka engama-24, uMormoni kufuneka abhale oko akubonileyo ngabantu babo kwaye akongeze kwiimbali.
4 Nifayi 1:47–49; Mormoni 1:2–4
Njengoko uMormoni wayekhula, wakhumbula into u-Amaroni awamcela ukuba ayenze. Xa uMormoni wayeneminyaka eyi-15 ubudala, watyelelwa yiNkosi. UMormoni wafunda ngokulunga kukaYesu.
Nangona uMormoni wayeselula, wayomelele. AmaNifayithi amkhetha ukuba akhokele imikhosi yawo. UMormoni wayebathanda abantu ngentliziyo yakhe yonke. Wayefuna bamthobele uThixo kwaye bonwabe.
Mormoni 2:1–2, 12, 15, 19; 3:12
UMormon wazama ukunceda abantu. Wabathandazela usuku nosuku. Abantu babesazi ukuba benza izinto ezimbi, kodwa abazange baguquke. Babengasenawo amandla kaThixo okubanceda kwakhona. Ngenxa yokuba babengenalo ukholo, imimangaliso yaphela. Baqhubeka besilwa, yaye abaninzi babo bafa. UMormoni wayelusizi.
Mormoni 1:13–14, 16–19; 2:23–27; 3:1–12; 4:5, 9–12; 5:1–7
Xa uMormoni wayeneminyaka engama-24, waya endulini apho iimbali zazifihlwe khona. Waqalisa ukubhala amabali neemfundiso zabantu emacwecweni esinyithi. UThixo wamnceda ukuba ayazi into ekumele ayibhale. UMormoni wasebenza kwirekhodi iminyaka emininzi. Namhlanje, imbali ibizwa ngokuba yiNcwadi kaMormoni.
Amazwi kaMormoni 1:3–9; Mormoni 1:3–4; 2:17–18
Emva kweemfazwe ezininzi, amaLeymenayithi abulala phantse onke amaNifayithi. UMormoni wayesazi ukuba abantu bakhe bazakuhamba kwakamsinyane. Waba buhlungu kuba abazange baguquke baza bacela uncedo kuThixo Kodwa wathandaza kwaye wacela uThixo ukuba awakhusele amacwecwe. Wayesazi ukuba amacwecwe aya kukhuseleka ngenxa yokuba ayenamazwi kaThixo kuwo.
Amazwi kaMormoni 1:11; Mormoni 5:11; 6:6, 16–22
UMormoni wayefuna abantu bakholelwe kuYesu. Wayethembe into yokuba abantu abaninzi bayokuyifunda incwadi kwixesha elisezayo. Wayefuna kungakumbi ukuba iintsapho zamaLeymenayithi ziyifunde ngenye imini. Ukuba banokwenza njalo, bayokufunda ngoYesu. Phambi kokuba uMormoni asweleke, wayinika irekhodi kunyana wakhe uMoronayi ukuze ikhuseleke.
Amazwi kaMormoni 1:1–2; Mormoni 3:17–22; 5:8–24; 6:6; 7; 8:1