Amabali Ezibhalo
UYerede noSapho Lwakhe


“UYerede noSapho Lwakhe,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Etere 1–46

UYerede noSapho Lwakhe

Uhambo olukhokelwe yiNkosi

inkcochoyi iyakhiwa, kwaye uYerede nomntakwabo babukele abantu bexabana kufutshane nayo

UYerede nosapho lwakhe babehlala eBhabheli kumawaka eminyaka ngaphambi kokuzalwa kukaYesu Krestu. Bayithobela iNkosi. Kodwa isininzi sabantu eBhabheli abakhange bayithobele iNkosi. Abo bantu baqalisa ukwakha inkcochoyi bezama ukufikelela ezulwini. INkosi yatshintsha ulwimi lwabantu ukuze bangaqondani omnye nomnye.

IGenesis 11:4–9; Etere 1:33

umntakwabo uYerede uyathandaza, kwaye uYerede ubukukele isixeko

UYerede waye nomntakwabo. INkosi yayimthembile umntakwabo uYerede. UYerede wacela umntakwabo athandazele uncedo kwiNkosi. Emthandazweni wakhe, umntakwabo Yerede wacela iNkosi ukuba ingalutshintshi ulwimi losapho lwakhe nezihlobo. Ngalondlela bakwazi ukuqondana omnye nomnye.

Etere 1:33–36

UYerede nomntakwabo bathetha neentsapho zabo

INkosi yayinothando nobubele. Ayizange ilutshintshe ulwimi losapho lukaYerede nolwezihlobo. Kamva, iNkosi yaxelela umntakwabo uYerede ukuba yayibalungiselele umhlaba okhethekileyo. INkosi yathi Yona izokubakhokela ukuyofika khona.

Etere 1:35-42

UYerede, umntakwabo, neentsapho zabo bayasishiya isixeko, kwaye beza nezilwanyana ezininzi kunye nabo

UYerede nomntakwabo bahlanganisa iintsapho zabo nabahlobo. Kwaye kananjalo baqokelela izilwanyana zabo nazo zonke iintlobo zeembewu. Emva koko bashiya amakhaya abo baza bahamba entlango. INkosi yabakhokela ngokuthetha nabo kwilifu.

Etere 1:40–43; 2:1–6

iintsapho zifika elwandle

Emveni kokuhamba umgama omde, bafikelela elwandle. Bahlala elunxwemeni iminyaka emine. Ixesha elide, umntakwabo uYerede akakhange athandaze eNkosini.

Etere 2: 13–14

umntakwabo uYerede uyathandaza

INkosi yaxelela umntakwabo Yerede ukuba athandaze kwakhona. Umntakwabo uYerede waguquka wathandaza eNkosini. INkosi yamxolela.

Etere 2:14–15

umntakwabo uYerede ukrola inqanawe encinane

INkosi yafundisa umntakwabo Yerede ukuba akhe iinqanawe ekuthiwa zizikhephe ezincinane. Iintsapho zazikwazi ukuziqhuba izikhephe ezincinane zinqumle ulwandle ukuya kwilizwe lesithembiso.

Etere 2:15–17

umntakwabo uYerede ujonge izikhephe ezincinane, iintente, nolwandle

Umntakwabo uYerede nosapho lwakhe bakha izikhephe ezincinane. Wabona ukuba akukho kukhanya phakathi kwazo izikhephe ezincinane. Wabuza iNkosi ukuba kwakuza kufuneka bahambe benqumla ulwandle ebumnyameni. INkosi yaxelela umntakwabo uYerede ukuba acinge indlela iinqanawe ezinokufumana ngayo ukukhanya.

Etere 2:16–19, 22–25

UYesu Krestu ubonakala kancinane, kwaye isandla saKhe soluliwe ukuba sichukumise amatye kwizandla zomntakwabo uYerede

Umntakwabo uYerede wenza amatye amancinci ayi-16, acacileyo. Wacela iNkosi ukuba iwachukumise kwaye awenze akhanye. INkosi yasolula isandla saYo, yawachukumisa amatye nganye nganye ngomnwe waYo. Umntakwabo uYerede wabo nako ukubona umnwe weNkosi. Wamangaliswa kukuba iNkosi inomzimba onjengaye.

Etere 3:1–8

UYesu Krestu uthetha nomntakwabo uYerede

INkosi yathi umntakwabo uYerede wayenokholo olukhulu. INkosi yavela kwaye yabonisa umzimba waYo womoya kumntakwabo uYerede. INkosi yathi, “Ndinguye uYesu Krestu.” Wathi ukuba waYe khethiwe ukuba abenguMsindisi. Wafundisa umntakwabo uYerede ezinye izinto ezininzi.

Etere 3:9–20, 25–27

umntakwabo uYerede uyabhala, kwaye amatye akwingqayi egqunyiweyo kufutshane naye.

Umntakwabo uYerede wabuyela kusapho lwakhe nezihlobo. Wabhala phantsi izinto azifundileyo ngelixa waye kunye neNkosi. Wafaka kananjalo amatye kwizikhephe ezincinane. Ngoku babenokukhanya kuhambo lwabo.

Etere 4:1; 6:2–3

izikhephe ezincinane zihamba kulwandle olune ndudumo

Iintsapho zangena ezikhepheni ezincinane ukuze banqumle ulwandle. Bathemba iNkosi ukuba ibakhathalele. Zazininzi iindudumo namaza. Maxa wambi, amanzi ayezigubungela ngokupheleleyo izikhephe ezincinane. Kodwa bathandaza, yaza iNkosi yababuyisela phezu kwamanzi kwakhona. Bacula iingoma ezininzi zombulelo kwiNkosi.

Etere 6:4–10

UYerede, umntakwabo, neentsapho zabo bafika kumhlaba omtsha

Emva kwesithuba esingangonyaka, bafika kwilizwe iNkosi eyayibathembise lona. Balila ngovuyo kwaye bayibulela Yona.

Etere 6:11–12