“UMphathi-mkhosi Moronayi noPahoran,” AmaBali Encwadi ka Mormoni (2023)
UMphathi-mkhosi uMoronayi noPhahorani
Amandla avela kuThixo
AmaNifayithi kwaye namaLeymenayithi ayesemfazweni. UMoronayi wayengumphathi-mkhosi yomkhosi wamaNifayithi. Iinkokeli zamaNifayithi azizange zithumele amajoni aneleyo okanye ukutya. UMoronayi waba nomsindo kwaye wabhala ileta eya kuPhahorani, inkokeli yamaNifayithi.
Kwileta yakhe, uMoronayi wabuza uPhahorani ukuba kutheni engakhange athumele uncedo. UMoronayi wayecinga ukuba uPhahorani waye ngabakhathalelanga abantu kwaye efuna amandla kuphela. UMoronayi wayefuna abantu bakhe bakhululeke.
UPhahorani wayelusizi ukuba imikhosi yayingenalo uncedo. Wayefuna ukunceda uMoronayi, kodwa wayengakwazi. Amanye amaNifayithi ayesilwa ngokuchasane yena.
LomaNifayithi ayebizwa ngokuba abathandi-kumkani. Babefuna ukuthathela amandla kubo kwaye baphathe abantu. Babebuthathile uburhulumente kuPhahorani.
UPhahorani wayefuna ukuqhubekeka ekhokela amaNifayithi ukuze akwazi ukuwanceda. NjengoMoronayi, wayefuna ukuba amaNifayithi alandele uThixo kwaye ayigcine inkululeko yawo. Wayenqwenela ukuba kwakungafuneki balwe nabani na. Kodwa ke wayekulungele ukulwa ukuba lonto izokunceda ukugcina abantu bakhe bekhuselekile.
UPhahorani wacela amaNifayithi ukuba amncede alwe ukukhusela iintsapho zabo, inkululeko yabo, kunye nelungelo labo lokunqula uThixo. Wayesazi ukuba uMoya kaThixo uya kuba nabo xa bekhetha ukulwela okulungileyo. AmaNifayithi amaninzi eza kunceda uPhahorani ukukhusela ilizwe lawo
UPhahorani wabhalela uMoronayi ileta. Wayengenamsindo kuMoronayi. Waxelela uMoronayi yonke into eyayisenzeka. Wacela uMoronayi ukuba aze kwaye azokumncedisa ekulweni abathandi-kumkani. UPhahorani wayesazi ukuba babelandela uThixo, kwakungafuneki ukuba boyike. UThixo wayeza kubakhusela aze abancede.
UMoronayi wazaliswa lithemba ngenxa yokholo lukaPhahorani. Kodwa wayebuhlungu ukuba amanye amaNifayithi ayesilwa nabantu bawo kwaye engamthobeli uThixo. UMoronayi wathabatha umkhosi waza waya kunceda uPhahorani. Waphakamisa ibhanile yenkululeko nakuphi na apho wayehamba khona. Amawakawaka amaNifayithi agqiba ekubeni alwe ukukhusela inkululeko yawo.
UMoronayi noPhahorani boyisa abathandi-kumkani nemikhosi yabo. UPhahorani wabayinkokeli yamaNifayithi kwakhona. UMoronayi wathumela amadoda amaninzi ukuba aye kunceda imikhosi yamaNifayithi. Kwakhona wathumela imikhosi ukutya. Ngoku amaNifayithi emanyene, oyisa amadabi amaninzi. Bathabathela kubo izixeko zamaNifayithi bezithatha kumaLeymenaythi.