Amabali Ezibhalo
UMoronayi uMprofeti


“UMoronayi uMprofeti,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mormoni 8; Moronayi 1; 710

UMoronayi uMprofeti

Ukuba nothando olumsulwa lukaYesu Krestu

UMoronayi ujonga isixeko esitshayo

UMoronayi wayengumprofeti ongumNifayithi wokugqibela. Walwa kwimfazwe enkulu eyayiphakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. Usapho lwakhe naye wonke umntu owayemazi wasweleka kwimfazwe. Abantu elizweni babekhohlakele. Babulala wonke umntu owaye kholelwa kuYesu Krestu. UMoronayi wayekholelwa kuYesu. Wayengaphiki ukuba uYesu unguMsindisi.

Mormoni 8:2–10; Moronayi 1:2–3

UMoronayi uphethe amacwecwe esinyithi kwaye uzimela nawo kwiqela lamajoni

Utata kaMoronayi, uMormoni, wayebhala imbali yabantu babo emacwecweni esinyithi. Phambi kokuba uMormoni afe, wanika unyana wakhe uMoronayi amacwecwe. UMoronayi kwafuneka azimele ukukhusela ubomi bakhe namacwecwe.

Mormoni 6:6; 8:1-5, -13; Moronayi 1:1-3

UMoronayi uhleli emqolombeni kwaye uyabhala emacwecweni esinyithi

Ubomi babunzima kuMoronayi, kodwa wahlala ethembekile. Wabhala phantsi okwafundiswa nguMormoni ngothando lwenene, uthando olumsulwa lukaKrestu. UMormoni wathi abantu mabathandaze kuThixo ngawo onke amandla entliziyo zabo ukuze balufumane oluthando. Uthe uThixo unika uthando lwenene kwabo balandela uYesu ngokwenene.

Moronayi 7:32-33, 40-48; 10:20-21, 23

usapho luvuyiswa kukunikwa ukutya, kwaye uMoronayi uyancuma

UMoronayi wayewathanda amaLeymenayithi nangona amanye wawo abulala wonke umntu awayemazi kwaye ayefuna ukumbulala. Wabhala izinto ezininzi emacwecweni esinyithi ukunceda amaLeymenayithi kwixesha elizayo. Wayenethemba ukuba baya kuyifunda imbali ngenye imini kwaye bakholelwe kuYesu kwakhona.

Mormoni 8:1-3; Moronayi 1:1-4; 10:1

UMoronayi uhleli kwinduli enengca kwaye ubhala emacwecweni esinyithi

UMoronayi wamema bonke abantu abafunde imbali ukuba bacinge ngendlela uThixo abakhathalele ngayo abantwana baKhe. Wabamema ukuba bathandaze kwaye babuze uThixo ukuba imbali iyinyani na. Uthe ukuba banalo ukholo kuYesu kwaye bafuna ngokwenene ukwazi, uThixo uyakubazisa inyaniso. Bayakwazi ngamandla oMoya oyiNgcwele.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; Moronayi 10: 1–5

UMoronayi ungcwaba amacwecwe esinyithi kwaye wabeka imbokodo phezu kwendawo afihle kuyo

UMoronayi waqgiba ukubhala imbali. Emveni koko wawangcwaba amacwecwe esinyithi emhlabeni. UYesu wamxelela uMoronayi ukuba imbali ebhalwe kumacwecwe ngenye imini iyakusikelela iimpilo zabantwana bakaThixo kwilizwe jikelele.

Mormoni 8:4, 14–16

uJoseph Smith oselula ususa imbokodo kwaye wabona amacwecwe lesinyithi neLiyahona

Kwiminyaka emininzi kamva, uThixo wathumela uMoronayi, njengengelosi, ukubonisa inkwenkwe eselula egama linguJoseph Smith apho amacwecwe esinyithi ayengcwatywe khona. UJoseph wayebizwe nguThixo abengumprofeti. UThixo wanceda uJoseph aguqulele amacwecwe ukuze abantu bakwazi ukufunda okwakubhalwe kuwo. Imbali ibizwa ngokuba yiNcwadi kaMormoni.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni