Scripture Stories
U-Alma kuManzi aseMormoni


“U-Alma kuManzi aseMormoni,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mozaya 18; 23

U-Alma kuManzi aseMormoni

Ukuba ngabantu bakaThixo

Umfanekiso
U-Alma ujonge emanzini

U-Alma wayesakuba ngumbingeleli kakumkani ogama linguNowa. U-Alma waye wazama ukusindisa u-Abhinadayi, umprofeti kaThixo, ekubulaweni nguNowa. Kodwa uNowa waba nomsindo ku-Alma waze wafuna ukumbulala naye u-Alma. U-Alma wambaleka uNowa ukuze ahlale ekhuselekile. Xa kusemini, u-Alma wayezimela kufuphi nendawo eyayibizwa ngokuba Ngamanzi aseMormoni.

Mozaya 17:2–4; 18:4–5, 8

Umfanekiso
U-Alma uguqile kwaye uthandaza ngasemanzini

U-Alma waye wakholelwa koko kwafundiswa ngu-Abhinadayi malunga noYesu Krestu. Yena wacela uThixo ukuba amxolele izono neempazamo zakhe.

Mozaya 18:1–2

Umfanekiso
U-Alma esixekweni ebusuku

U-Alma wahlangana nabantu ngasese waze wabafundisa ngoYesu. Wafundisa wonke umntu owayemamela.

Mozaya 18:1–3

Umfanekiso
Abantu bamamele u-Alma efundisa ngasemanzini

Abantu abaninzi baye bamkholelwa u-Alma. Bona baya kuManzi aseMormoni ukuze bamve u-Alma efundisa.

Mozaya 18:3–8, 31

Umfanekiso
U-Alma uhleli phantsi efundisa ngasemanzini

Abo babekholelwa babefuna ukubizwa ngokuba bangabantu bakaThixo, bancede abo baswelweyo, kwaye baxelele abantu ngoThixo. Ngoko u-Alma wabamema ukuba babhaptizwe. Ngokubhaptizwa, bona babeza kwenza umnqophiso, okanye isithembiso, noThixo sokukhonza Yena nokugcina imiyalelo yaKhe. Ukubuyisa oko, uThixo abasikelele ngoMoya waKhe.

Mozaya 18:8–10, 13

Umfanekiso
U-Alma ubhaptiza umfazi emanzini

Abantu babonwabe kakhulu. Baye baqhwaba izandla baze bathi bafuna ukubhaptizwa. U-Alma wabhaptiza ngamnye kubo kuManzi aseMormoni. Bonke babezaliswe nguMoya kaThixo baze baluva uthando analo uThixo ngabo. Bona baye baba ngamalungu eBandla likaKrestu.

Mozaya 18:11–17, 30

Umfanekiso
Ukumkani uNowa unomsindo kwaye uyolatha

UNowa waqhaphela ukuba abanye babantu bakhe babelishiya ilizwe lakhe. Waye wathumela izicaka zakhe ukuba zibajonge. Izicaka ezo zababona abantu besiya kwilizwe laseMormoni ukuze beve iimfundiso zika-Alma. UNowa wayenomsindo kakhulu. Yena wathumela umkhosi wakhe ukuze ubulale u-Alma kunye nabo bantu u-Alma wayebafundisa.

Mozaya 18:31–33

Umfanekiso
U-Alma nabantu bakhe bayahamba

UThixo wamlumkisa u-Alma malunga naloo mkhosi. Ngoncedo lukaThixo, u-Alma nabantu bakhe balishiya ngokhuseleko ilizwe elo. UMkhosi awuzange ubenako ukubabamba. Bahamba intsuku ezisibhozo entlango baza bafika kwilizwe elihle. Benza amakhaya amatsha khona. U-Alma wabafundisa abantu, baze bona basigcina isithembiso sabo kuThixo.

Mozaya 18:34–35; 23:1–20

Shicilela