Amabali Ezibhalo
Oomama boMkhosi Oselula


“Oomama boMkhosi Oselula,” Book of Mormon Stories (2023)

Alma 24; 53; 56-57

Oomama boMkhosi Oselula

Ukufundisa abantwana ukuba bamthembe uThixo

ulutsha loonyana lumamele befundiswa ngumama obafundisayo kwaye intombazana eselula iyadlala kufutshane

Ama Antayi-Nifayi-Lihayi babeyithanda iNkosi kwaye bonke abantu. Oomama babafundisa abantwana ukuba bangahlala bemthembile uThixo. Babafundisa ukuba bayigcine imiyalelo yaKhe.

Alma 26:31–34; 27:12, 27–30; 56:47–48; 57:21, 26

UHilamani namanye amaNifayithi bajonge isixeko esitshayo

AmaNifayithi kwaye namaLamani babesilwa kwimfazwe enkulu. AmaNifayithi ayelwela ukukhusela abantu babo nama Antayi-Nifayi-Lihayi

Alma 48–52; 53:10–13

amaAntayi-Nifayi-Lihayi athetha noHilamani kunye namaNifayithi

Ngenxa yezona zabo ezadlulayo, ama-Antayi-Nifayi-Lihayi benze umnqophiso, okanye isithembiso esikhethekileyo, kunye noThixo ukuba bangaze balwe namntu nomnye. Kodwa babewathanda amaNifayithi kwaye befuna ukunceda.

Alma 24:6–19; 53:10–13

oonyana bama Antayi-Nifayi-Lihayi bathetha kunye kwaye babukela abazali babo bethetha noHilamani kwayi nelinye iNifayithi.

Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi ayesiya ekulweni kwimfazwe. Kodwa umprofeti uHilamani nezinye iinkokheli zeBandla babaqinisekisa ukuba bayokusigcina isithembiso sabo sokungalwi. Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi kwanyanzeleka babukele izihlobo zabo zidlula ezintlungwini kwaye neengxaki, kodwa bayigcina iminqophiso yabo noThixo.

Alma 53:13-15

onyana baphakamisa izandla zabo, kwaye nabazali babo kwaye namaNifayithi amamela bona

Onyana bama Antayi-Nifayi-Lihayi babengasenzanga isithembiso esanziwa ngabazali babo. Ngoku babenze esabo isithembiso sokuba bona bayokulwela inkululeko.

Alma 53:16-17

onyana bafumana imikhonto emajonini wama Nifayithi, kwaye omama babo nooyise bathandaza kwaye babukela

Babenesibindi kakhulu. Babefundiswe ngoonina babo, okokuba ukuba abathandabuzi, uThixo angabakhusela.

Alma 53:20; 56:47

onyana banxiba isikrweqe kwaye bathetha kunye noomama babo kunye nooyise, kwaye uHilamani unxiba isikrweqe kwaye wamela kufutshane

Onyana babakholelwa oonina. Oonyana babenyanisekile kuThixo kwaye bayigcina imiyalelo yaKhe. Babethembile ukuba uThixo uzokubagcina bekhuselekile. Oonina babeyazi ukuba uThixo uyokubakhusela onyana babo.

Alma 53:20–21; 56:47–48; 57:20–21, 26