Icandelo 121
Umthandazo neziprofetho zibhalwe nguJoseph Smith uMprofeti kwileta eya eBandleni ngexesha wayelibanjwa entolongweni eLiberty, eMissouri, ibhalwe ngoMatshi 20, 1839. UMprofeti nabalingane abaliqela babesentolongweni iinyanga. Izibongozo nezibheno zabo zabhekiswa emagoseni esebe lombuso kwaye iijaji jikelele zathi zasilela ukubazisela uncedo.
1–6, UMprofeti ubongozela abaNgcwele ababandezelekileyo eNkosini; 7–10, INkosi ithetha uxolo kuye; 11–17, Baqalekisiwe abo baphakamisa izikhalo zobuxoki zokreqo ngokuchasene nabantu beNkosi; 18–25, Abayi kuba nelungelo ebubingelelini kwaye baya kugwetywa; 26–32, Izityhilelo ezibubuqaqawuli zithenjiswa abo banyamezela ngokukhaliphileyo; 33–40, Kungokuba kutheni abaninzi bebiziwe baze abambalwa banyuliwe; 41–46, Ububingeleli bumele ukusetyenziswa ebulungiseni kuphela.
1 Owu Thixo, uphina wena? Kwaye uphi umnquba ogqume indawo yakho yokusithela?
2 Kunini na uya kusibamba isandla sakho, neliso lakho, ewe iliso lakho elimsulwa, qaphela ukusuka emazulwini anaphakade iziphoso zabantu bakho nezezicaka zakho, ize indlebe yakho igqojozwe zizikhalo zabo?
3 Ewe, Owu Nkosi, kuninina beya kubandezeleka zezi ziphoso neengcinezelo ezingekho mthethweni, phambi kokuba intliziyo yakho ibe iya kuthanjiswa ngakubo, kwaye izibilini zakho zishukunyiswe yimfesane ngakubo?
4 Owu Nkosi Thixo Somandla, menzi wezulu, umhlaba, neelwandle, nazo zonke izinto ezikuzo, nalowo ulawula aze enze umtyholi abe phantsi kwakhe, nobukhosi babafileyo obumnyama nobuhlwelweyo—yolula isandla sakho; iliso lakho maligqobhoze; umnquba wakho uthathelwe phezulu; indawo yakho yokusithela mayingabi sagqunywa; indlebe yakho mayithambeke; intliziyo yakho mayithanjiswe, nezibilini zakho zishukunyiswe yimfesane ngakuthi.
5 Mawuphenjwe umsindo wakho ngokuchasene neentshaba zethu; nasemsindweni wentliziyo yakho, ngekrele lakho usiphindezele kwiziphoso zethu.
6 Khumbula abangcwele bakho ababandezelekileyo, Owu Thixo wethu; kwaye izicaka zakho ziya kugcoba egameni lakho ngonaphakade.
7 Nyana wam, uxolo malube semphefumlweni wakho; ubunzima bakho neenkxwaleko zakho ziya kuba zezomzuzwana nje;
8 Kwaye ngoko, ukuba uzinyamezela kakuhle, uThixo uya kukuphakamisela wena phezulu; uya koyisa phezu kwazo zonke iintshaba zakho.
9 Abahlobo bakho bemi ngakuwe, kwaye baya kukubulisa wena kwakhona ngeentliziyo ezifudumeleyo nezandla ezinobuhlobo.
10 Wena awukabi njengoYobhi; abahlobo bakho abakruthakruthani ngokuchasene nawe, bengakubeki tyala wena ngesikreqo, njengoko benzayo kuYobhi.
11 Kwaye abo bakubeka ityala wena ngesikreqo, ithemba labo liya kutshatyalaliswa, imibono yabo iya kunyibilika njengombethe ongwevu unyibilika phambi kwemitha evuthayo yelanga eliphumayo;
12 Nokokuba kanjalo uThixo umisele isandla sakhe waza watywina ukuguqula amaxesha namaxesha onyaka, aze amfamekise iingqondo zabo, ukuze bangabi nako ukuqonda imisebenzi yakhe emangalisayo; ukuze kanjalo abe nokuba vavanya aze abathabathe ebuqhetsebeni obubobabo;
13 Kanjalo ngenxa yokuba iintliziyo zabo zonakalisiwe, kwaye izinto abathanda ukuzizisa phezu kwabanye, nokuthanda ukuba abanye babulaleke, zinokuza phezu kweziqu zabo kanye esiphelweni;
14 Ukuze babe nokudana kanjalo, namathemba abo abe nokunqanyulwa;
15 Kwaye asiyiyo minyaka mininzi ukususela ngoku, kuba bona nezizukulwana zabo baya kutshayelwa ukususela phantsi kwezulu, utsho uThixo, okokuba namnye ongowabo woshiywa emile ngodonga.
16 Baqalekisiwe abo baya kuphakamisa isithende ngokuchasene nabathanjiswa bam, itsho iNkosi, kwaye ngokumemeza bonile xa babengonanga phambi kwam, itsho iNkosi, kodwa benze oko kufanelekileyo emehlweni am, noko ndabayalela kona.
17 Kodwa abo bamemeza isikreqo benza oko ngenxa yokuba bezizicaka zesono, kwaye bangabantwana bobungathobeli ngokunokwabo.
18 Kwaye abo bafunga ngobuxoki ngokuchasene nezicaka zam, ukuze babe banokuzizisa ebukhobokeni nasekufeni—
19 Yeha kubo; ngenxa yokuba bakhubekise abantwana bam abancinane baya kunqanyulwa emimiselweni yendlu yam.
20 Ingobozi yabo ayisayi kuzala, izindlu zabo noovimba babo baya kutshabalala, kwaye bona ziqu zabo baya kucekiswa ngabo babahanahanisayo.
21 Abayi kuba nalungelo ebubingeleleni, kwa nezizukulwana zabo emva kwabo ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.
22 Bekulunge kanye kubo kuba banxitywe ilitye lokusila ezintanyeni zabo, baze bantywiliselwe enzulwini yolwandle.
23 Yeha abo bonke bangonwabisi abantu bam, baze babagxothe, baze bababulale, baze bangqine ngokuchasene nabo, itsho iNkosi yeMikhosi; inzala yamarhamba engasayi kuze isinde kumgwebo wesihogo.
24 Qaphelani, amehlo am ayabona kwaye ndazi yonke imisebenzi yabo, kwaye ndigcine isigwebo esiquphileyo exesheni laso, sabo bonke;
25 Kuba kukho ixesha elimiselwe wonke umntu, ngokunxulumene njengoko imisebenzi yakhe iya kubanjalo.
26 UThixo uya kuninika ulwazi ngoMoya oyiNgcwele wakhe, ewe, ngesipho esingathethekiyo soMoya oyiNgcwele, ongekathi utyhilwe ukususela ihlabathi labakho kude kube ngoku;
27 Olo oobawo bethu bangaphambili babelulindile ngolangazelelo oluxhalabileyo ekubeni lutyhilwe emaxesheni okugqibela, iingqondo zabo ezaziwalathiselwe ngeengelosi, njengoko kugcinelwe ukuzalisekiswa kozuko lwabo;
28 Ixesha elizayo kulo ekungekho nto iya kufihlwa, nokokuba kube kukho uThixo omnye okanye oothixo abaninzi, abaya kubonakaliswa.
29 Zonke iitrone nobukhosi, izilawuli namagunya, ziya kutyhilwa zize zenziwe zazeke phezu kwabo bonke abanyamezele ngokukhalipha ivangeli kaYesu Krestu.
30 Kananjalo, ukuba kusikwe imida kuya kutyhilwa emazulwini okanye kwiilwandle okanye emhlabeni owomileyo, okanye elangeni, enyangeni, okanye ezinkwenkwezini—
31 Onke amaxesha emijikelo yazo, yonke imihla eyolathiweyo, iinyanga, neminyaka, nayo yonke imihla yemihla yazo, iinyanga, neminyaka, nabo bonke ubuqaqawuli bazo, imithetho, namaxesha abekiweyo, aya kutyhilwa ngemihla yexesha lokuzihlanganisela likaThixo yenzaliseko yamaxesha—
32 Ngokunxulumene noko kwakumiselwe phakathi kweQumrhu likaThixo wanaPhakade wabo bonke abanye oothixo phambi kokuba eli hlabathi labakho, oko kumele ukugcinelwa ukugqiba nesiphelo salo, xa wonke umntu aya kungena ebusweni bakhe banaphakade naseluphumlweni lwakhe olungafiyo.
33 Kode kube nini amanzi aqengqelekayo enako ukuhlala engcolisekile? Mandla mani aya kubamba amazulu? Njengoko umntu enokolulela ingalo yakhe encinane ngaphambili enqanda umlambo iMissouri endleleni ubuyele umva, njengoko kunqandwa uSomandla ekuthululeleni phantsi ulwazi luvela ezulwini phezu kweentloko zabaNgcwele beMihla yokuGqibela.
34 Qaphelani, baninzi ababiziweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo. Kwaye kungokuba kutheni benganyulwanga?
35 Ngenxa yokuba iintliziyo zabo zisekelezelwe kakhulu phezu kwezinto zeli hlabathi, kwaye zilangazelela iintlonipho zabantu, kuba abasifundi esi sifundo sinye—
36 Kuba amalungelo obubingeleli aqhagamshelane ngokungahlukaniyo namandla ezulu, nokokuba amandla ezulu akanako ukulawulwa nakuphathwa kuphela kuphezu kwezilawuli zobulungisa.
37 Ukuze abe nokunikwa phezu kwethu, oko kuyinene; kodwa xa siqalisa ukugquma izono zethu, okanye sikholisa ikratshi lethu, ibhongo lethu elingamampunge, okanye sisebenzisa ulawulo okanye ubukhosi okanye isinyanzelo phezu kwemiphefumlo yabantwana babantu, kulo naliphina iqondo elingebulungisa, qaphelani, amazulu arhoxisa iziqu zawo; uMoya weNkosi ubabuhlungu; kwaye xa urhoxile, Amen ebubingelelini okanye egunyeni laloo mntu.
38 Qaphelani, phambi kokuba aqaphele, ushiywa yedwa, akhabe iimviko, atshutshise abangcwele, kwaye ulwa ngokuchasene noThixo.
39 Sifunde ngamava alusizi okokuba yindalo nesimilo phantse sabantu bonke, ngokukhawuleza nje befumana igunya elincinane, njengoko bezicingela, baya kuqalisa ngokukhawuleza ukusebenzisa ubukhosi obungalunganga.
40 Yiyo loo nto bebaninzi ababiziweyo, kodwa bembalwa abanyuliweyo.
41 Akukho gunya okanye impembelelo enako okanye emele ukugcinwa ngendlela yobubingeleli, kuphela kungokuthundeza, ngokuzeka kade umsindo, ngolulamo nobulali, nangothando olungahanahanisiyo;
42 Ngobubele, nangolwazi olumsulwa, oluya kwandisa kakhulu umphefumlo ngaphandle kohanahaniso, nangaphandle kwenkohliso—
43 Ekhalimela ngexesha elifanelekileyo kabukhali, xa uqhutywe nguMoya oyiNgcwele; aze ngoko abonise ngaphambili emva koko ukongezwa kothando olubhekise kuye lowo uthe wamkhalimela, hleze akuthathe njengotshaba lwakhe;
44 Ukuze abe nokwazi ukuba ukuthembeka kwakhe komelele kuneentambo zokufa.
45 Izibilini zenu kanjalo mazizaliswe luthando lwenene ngakubantu bonke, nakwindlu yokholo, kwaye isidima masinonge iingcinga zenu ngokungapheliyo; ngoko ukuzithemba kwenu kuya kuba kusomelela kubukho bukaThixo; nemfundiso yobubingeleli iya kuchaphazela phezu komphefumlo wakho njengombethe ovela ezulwini.
46 UMoya oyiNgcwele uya kuba ngumlingane wakho rhoqo, nentonga yakho engatshintshiyo yobulungisa nenyaniso; nobukhosi bakho buya kuba bubukhosi obungunaphakade, nobungenasinyanzelo buya kuqukuqela kuwe ngonaphakade kanaphakade.