Isahluko 12
UKumkani uBhenjamin
UKumkani uBhenjamin wayeyikumkani yamaNifayithi elungileyo. Ngoncedo lwamanye amadoda alungileyo, waye wazisa uxolo elizweni.
UKumkani uBhenjamin waye wabamdala kwaye wayefuna ukuthetha nabantu bakhe. Wayefuna ukubaxelela ukuba unyana wakhe uMozaya wayezakuba yikumkani elandelayo
Abantu babuya kulo lonke ilizwe kwaye bahlanganela kufuphi netempile. Baye bagxumeka iintente zabo ukuze iminyango yabo ijonge itempile.
UKumkani uBhenjamin wathetha kwinqaba khon’ ukuze amaNifayithi abenakho ukumva.
Waxelela abantu bakhe ukuba wayesenza okusemandleni ukubasebenzela. Waye wathi indlela yokusebenzela uThixo kukuncedana.
UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu ukuba bathobele imithetho kaThixo. Abo bagcina imiyalelo ngokunyanisekileyo bayakuvuya kwaye ngenye imini bayakuphila noThixo.
UKumkani uBhenjamin wathi uYesu Krestu wayezakuzalwa emhlabeni kungekudala. Igama likamama wakhe yayizakuba nguMariya.
UYesu wayezakwenza imimangaliso. Wayezakuphilisa abagulayo, abafileyo ababuyisele ebomini. Wayezakwenza abazimfama babone kwaye abazizithulu beve.
UYesu wayezakusokola kwaye afele izono zabantu bonke. Abo bathi baguquke, babe nokholo kuYesu bayakuxolelwa izono zabo.
UKumkani uBhenjamin wawaxelela amaNifayithi ukuba abenzi bobubi babeyoku mtywatyusha uYesu. Babeya kumbethelela emnqamlezweni.
Emva kweentsuku ezintathu uYesu wayezakuvuka ekufeni.
Emveni kokuba uKumkani uBhenjamin ethethile, amaNifayithi aye awela emhlabeni. Aye azisola ngezono zawo kwaye afuna ukuguquka.
Abantu baba nokholo kuYesu Krestu, kwaye bathandazela ukuba baxolelwe.
UMoya oyiNgcwele wazizalisa iintliziyo zabo. Babesazi okokuba uThixo wayebaxolele kwaye wayebathanda. Baye baba noxolo kunye novuyo.
UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu bakhe ukuba bakholelwe kuThixo. Yena wayefuna ukuba bayazi ukuba uThixo wayedale zonke izinto kwaye unobulumko kunye namandla.
UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu ukuba bathobeke kwaye bathandaze yonke imihla. Wayefuna abantu bakhe bahlale bemkhumbula uThixo kwaye banyaniseke.
Waxelela abazali ukuba bangavumeli abantwana babo ukuba balwe okanye baxambulisane.
Wabaxelela ukuba bafundise abantwana babo ukuba bathobeke, bathandane kwaye basebenzisane.
Wabalumkisa abantu ukuba baqaphele ngento ababeyicinga, ababeyitsho, kunye nababeyenza. Kwakumele ukuba banyaniseke kwaye bagcine imithetho kubomi babo bonke.
UKumkani uBhenjamin wabuza abantu ukuba babekholelwa kwiimfundiso zakhe. Batsho bonke ukuba babekholelwa. UMoya oyiNgcwele wawubaguqulile, kwaye babengasafuni nokona.
Bonke banqophisa, okanye bathembisa, ukugcina imithetho kaThixo. UKumkani uBhenjamin waba novuyo.
UKumkani uBhenjamin waye wanika unyana wakhe onguMozaya ilungelo lokuba abe yikumkani entsha. UKumkani uBhenjamin wasweleka emveni kweminyaka emithathu.
UMozaya waba yikumkani elungileyo. Wasebenza nzima kwaye wasebenzela abantu bakhe, njengokuba utata wakhe wayenze njalo.