Scripture Stories
Isahluko 12: UKumkani uBhenjamin


Isahluko 12

UKumkani uBhenjamin

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin efundisa

UKumkani uBhenjamin wayeyikumkani yamaNifayithi elungileyo. Ngoncedo lwamanye amadoda alungileyo, waye wazisa uxolo elizweni.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin noMozaya

UKumkani uBhenjamin waye wabamdala kwaye wayefuna ukuthetha nabantu bakhe. Wayefuna ukubaxelela ukuba unyana wakhe uMozaya wayezakuba yikumkani elandelayo

Umfanekiso
abantu behlangene etempileni.

Abantu babuya kulo lonke ilizwe kwaye bahlanganela kufuphi netempile. Baye bagxumeka iintente zabo ukuze iminyango yabo ijonge itempile.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin uyathetha

UKumkani uBhenjamin wathetha kwinqaba khon’ ukuze amaNifayithi abenakho ukumva.

Umfanekiso
AmaNifayithi

Waxelela abantu bakhe ukuba wayesenza okusemandleni ukubasebenzela. Waye wathi indlela yokusebenzela uThixo kukuncedana.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin

UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu ukuba bathobele imithetho kaThixo. Abo bagcina imiyalelo ngokunyanisekileyo bayakuvuya kwaye ngenye imini bayakuphila noThixo.

Umfanekiso
usana uYesu kunye noMariya

UKumkani uBhenjamin wathi uYesu Krestu wayezakuzalwa emhlabeni kungekudala. Igama likamama wakhe yayizakuba nguMariya.

Umfanekiso
UYesu esenza imimangaliso

UYesu wayezakwenza imimangaliso. Wayezakuphilisa abagulayo, abafileyo ababuyisele ebomini. Wayezakwenza abazimfama babone kwaye abazizithulu beve.

Umfanekiso
UYesu ethandaza

UYesu wayezakusokola kwaye afele izono zabantu bonke. Abo bathi baguquke, babe nokholo kuYesu bayakuxolelwa izono zabo.

Umfanekiso
UYesu ebethelelwa

UKumkani uBhenjamin wawaxelela amaNifayithi ukuba abenzi bobubi babeyoku mtywatyusha uYesu. Babeya kumbethelela emnqamlezweni.

Umfanekiso
UYesu efuka ekufeni

Emva kweentsuku ezintathu uYesu wayezakuvuka ekufeni.

Umfanekiso
AmaNifayithi eguquka

Emveni kokuba uKumkani uBhenjamin ethethile, amaNifayithi aye awela emhlabeni. Aye azisola ngezono zawo kwaye afuna ukuguquka.

Umfanekiso
abantu bethandaza

Abantu baba nokholo kuYesu Krestu, kwaye bathandazela ukuba baxolelwe.

Umfanekiso
AmaNifayithi encumile

UMoya oyiNgcwele wazizalisa iintliziyo zabo. Babesazi okokuba uThixo wayebaxolele kwaye wayebathanda. Baye baba noxolo kunye novuyo.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin ethetha nabantu

UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu bakhe ukuba bakholelwe kuThixo. Yena wayefuna ukuba bayazi ukuba uThixo wayedale zonke izinto kwaye unobulumko kunye namandla.

Umfanekiso
usapho oluthandazayo

UKumkani uBhenjamin wabaxelela abantu ukuba bathobeke kwaye bathandaze yonke imihla. Wayefuna abantu bakhe bahlale bemkhumbula uThixo kwaye banyaniseke.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin ethetha

Waxelela abazali ukuba bangavumeli abantwana babo ukuba balwe okanye baxambulisane.

Umfanekiso
abazali befundisa abantwana

Wabaxelela ukuba bafundise abantwana babo ukuba bathobeke, bathandane kwaye basebenzisane.

Umfanekiso
AmaNifayithi emamele uKumkani uBhenjamin

Wabalumkisa abantu ukuba baqaphele ngento ababeyicinga, ababeyitsho, kunye nababeyenza. Kwakumele ukuba banyaniseke kwaye bagcine imithetho kubomi babo bonke.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin ethetha nabantu

UKumkani uBhenjamin wabuza abantu ukuba babekholelwa kwiimfundiso zakhe. Batsho bonke ukuba babekholelwa. UMoya oyiNgcwele wawubaguqulile, kwaye babengasafuni nokona.

Umfanekiso
AmaNifayithi encumile

Bonke banqophisa, okanye bathembisa, ukugcina imithetho kaThixo. UKumkani uBhenjamin waba novuyo.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin esikelela uMozaya

UKumkani uBhenjamin waye wanika unyana wakhe onguMozaya ilungelo lokuba abe yikumkani entsha. UKumkani uBhenjamin wasweleka emveni kweminyaka emithathu.

Umfanekiso
UMozaya esebenza

UMozaya waba yikumkani elungileyo. Wasebenza nzima kwaye wasebenzela abantu bakhe, njengokuba utata wakhe wayenze njalo.

Shicilela