Isahluko 54
Isithembiso seNcwadi kaMormoni
Phambi kokuba uMoronayi angcwabe amacwecwe okokugqibela, wabhala isithembiso kumaLeymenayithi nakuye wonke umntu oyakuthi awafunde amacwecwe.
Waxelela abantu ukuba mabazifunde iimbali ezingcwele, bazicingisise ngokwenene, kwaye babuze uBawo Osezulwini ukuba ziyinyani kusini na.
UMoronayi wathembisa ngelithi ukuba abantu banokuthandaza ngokuzithoba, ngokholo kuKrestu, uMoya oyiNgcwele ungabancedisa ukuyazi ukuba amacwecwe ayinyani.
UMoronayi wabhala esithi ukuba abantu banokuguquka, balandele uYesu Krestu, kwaye bathande uBawo Osezulwini, banganako ukugqibelela.
Xa uMoronayi wayegqibile ukubhala kumacwecwe egolide, wawafihla kwibhokisi yelitye kwiNduli yaseKhumora waze wayigquma ibhokisi ngelitye elikhulu. Umsebenzi wakhe wasemhlabeni wawugqityiwe.