Scripture Stories
Isahluko 5: Uhambo Entlango


Isahluko 5

Uhambo Entlango

Umfanekiso
oobhuti behamba entlango

INkosi yayifuna oonyana bakaLihayi ukuba babenabafazi ababezakufundisa abantwana babo ivangeli. Yaxelela uLihayi ukuba athumele oonyana bakhe emva eYerusalem ukuba bayokulanda usapho luka-Ishmayeli.

Umfanekiso
UNifayi uthetha no-Ishmayeli

UNifayi nabantakwabo babuyela eYerusalem. Baxelela u-Ishmayeli into iNkosi eyayifuna ukuba ayenze. U-Ishmayeli wabakholelwa, kwaye yena nosapho lwakhe bahamba noonyana bakaLihayi.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli baqumbele uNifayi

Xeshikweni babehamba entlango, uLeymeni noLemuweli kunye namanye amalungu osapho luka-Ishmayeli babanomsindo. Babefuna ukubuyela emva eYerusalem.

Umfanekiso
UNifayi uthetha noLeymeni kunye noLemuweli

UNifayi wakhumbuza uLeymeni noLemuweli ngako konke iNkosi ethe yabenzela kona. Wabaxelela ukuba kumele babenokholo olukhulu. Baye babanomsindo kuNifayi kodwa abazange babuyele emva eYerusalem.

Umfanekiso
abalingane bayatshata

UNifayi, nabantakwabo, kunye noZorami baze batshata iintombi zika-Ishmayeli.

Umfanekiso
ULihayi ubamba iLiyahona

INkosi yaxelela uLihayi ukuba aqhubekeke nohambo lwakhe. Ngentsasa elandelayo uLihayi wafumana ibhola yobhedu eyayibizwa ngokuba yiLiyahona ngaphandle kwentente yakhe. Yayisalatha indlela ekwakumele bayihambe entlango.

Umfanekiso
usapho luyahamba

Usapho lukaLihayi lwaqokelela ukutya neembewu lwaza lwaqoqosha neentente zalo. Lwahamba entlango iintsuku ezininzi, lulandela izalathiso zeLiyahona.

Umfanekiso
ukuzingela

UNifayi nabantakwabo babesebenzisa iintolo kunye nezaphetha ukuzingela ukutya njengoko babehamba-hamba.

Umfanekiso
isaphetha siyophuka

Isaphetha sikaNifayi sentsimbi saye sophuka, kwaye nezaphetha zabantakwabo zaphelelwa ngamandla azo. Abantakwabo babengakwazi ukubulala iinyamakazi, ngoko ke wonke umntu wayelambile. ULeymeni noLemuweli babanomsindo.

Umfanekiso
isaphetha somthi

UNifayi wenza isaphetha ngomthi kwaye wabuza utata wakhe ukuba angaya kuzingela phi. ULihayi wafumana izalathiso kwiLiyahona. UNifayi wathi walandela izalathiso kwaye wazifumana iinyamakazi.

Umfanekiso
ULihayi ubambe iLiyahona

ILiyahona yayisebenza kuphela xa usapho lukaLihayi lwalunyanisekile, lunenyameko, kwaye luthobekile.

Umfanekiso
UNifayi ubuya nokutya

UNifayi wabuya neenyamakazi awayethe wazifumana. Wonke umntu wavuya ukufumana ukutya. Babebuhlungu ngokuba babenomsindo, kwaye babulela uThixo ngokubasikelela.

Umfanekiso
Iintombi zika-Ishmayeli

Ukuhamba-hamba kwakungekho lula. Amaxesha amaninzi usapho lukaLihayi lwaludiniwe, lulambile, kwaye lunxaniwe. U-Ishmayeli waye wasweleka kwaye iintombi zakhe zava buhlungu. Baye bamkhalazela uLihayi.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli

ULeymeni noLemuweli nabo bakhalaza. Bona babengakholelwa ukuba iNkosi yayithethile noNifayi. Babefuna ukubulala uLihayi kunye noNifayi ukuze babuyele eYerusalem.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli

Ilizwi leNkosi lathetha noLeymeni kunye noLemuweli. Labaxelela ukuba bangabi nomsindo kuLihayi noNifayi. ULeymeni noLemuweli baye baguquka.

Umfanekiso
Iphupha likaLihayi

Usapho lukaLihayi lwaqhubeka nohambo lwalo olwalunzima. UThixo waye wabanceda kwaye wabomeleza. Abantwana baye bazalwa. ULihayi noSarayi baye babanabanye oonyana ababini, ababebizwa ngokuba nguYakobi noYosefu.

Umfanekiso
usapho luyahamba-hamba

Emva kokuhamba entlango iminyaka esibhozo, usapho lukaLihayi lwafika elunxwemeni. Apho lwafumana iziqhamo kunye nobusi. Lwayithiya indawo ngokuba yiNdyebo.

Shicilela