Isahluko 5
Uhambo Entlango
INkosi yayifuna oonyana bakaLihayi ukuba babenabafazi ababezakufundisa abantwana babo ivangeli. Yaxelela uLihayi ukuba athumele oonyana bakhe emva eYerusalem ukuba bayokulanda usapho luka-Ishmayeli.
UNifayi nabantakwabo babuyela eYerusalem. Baxelela u-Ishmayeli into iNkosi eyayifuna ukuba ayenze. U-Ishmayeli wabakholelwa, kwaye yena nosapho lwakhe bahamba noonyana bakaLihayi.
Xeshikweni babehamba entlango, uLeymeni noLemuweli kunye namanye amalungu osapho luka-Ishmayeli babanomsindo. Babefuna ukubuyela emva eYerusalem.
UNifayi wakhumbuza uLeymeni noLemuweli ngako konke iNkosi ethe yabenzela kona. Wabaxelela ukuba kumele babenokholo olukhulu. Baye babanomsindo kuNifayi kodwa abazange babuyele emva eYerusalem.
UNifayi, nabantakwabo, kunye noZorami baze batshata iintombi zika-Ishmayeli.
INkosi yaxelela uLihayi ukuba aqhubekeke nohambo lwakhe. Ngentsasa elandelayo uLihayi wafumana ibhola yobhedu eyayibizwa ngokuba yiLiyahona ngaphandle kwentente yakhe. Yayisalatha indlela ekwakumele bayihambe entlango.
Usapho lukaLihayi lwaqokelela ukutya neembewu lwaza lwaqoqosha neentente zalo. Lwahamba entlango iintsuku ezininzi, lulandela izalathiso zeLiyahona.
UNifayi nabantakwabo babesebenzisa iintolo kunye nezaphetha ukuzingela ukutya njengoko babehamba-hamba.
Isaphetha sikaNifayi sentsimbi saye sophuka, kwaye nezaphetha zabantakwabo zaphelelwa ngamandla azo. Abantakwabo babengakwazi ukubulala iinyamakazi, ngoko ke wonke umntu wayelambile. ULeymeni noLemuweli babanomsindo.
UNifayi wenza isaphetha ngomthi kwaye wabuza utata wakhe ukuba angaya kuzingela phi. ULihayi wafumana izalathiso kwiLiyahona. UNifayi wathi walandela izalathiso kwaye wazifumana iinyamakazi.
ILiyahona yayisebenza kuphela xa usapho lukaLihayi lwalunyanisekile, lunenyameko, kwaye luthobekile.
UNifayi wabuya neenyamakazi awayethe wazifumana. Wonke umntu wavuya ukufumana ukutya. Babebuhlungu ngokuba babenomsindo, kwaye babulela uThixo ngokubasikelela.
Ukuhamba-hamba kwakungekho lula. Amaxesha amaninzi usapho lukaLihayi lwaludiniwe, lulambile, kwaye lunxaniwe. U-Ishmayeli waye wasweleka kwaye iintombi zakhe zava buhlungu. Baye bamkhalazela uLihayi.
ULeymeni noLemuweli nabo bakhalaza. Bona babengakholelwa ukuba iNkosi yayithethile noNifayi. Babefuna ukubulala uLihayi kunye noNifayi ukuze babuyele eYerusalem.
Ilizwi leNkosi lathetha noLeymeni kunye noLemuweli. Labaxelela ukuba bangabi nomsindo kuLihayi noNifayi. ULeymeni noLemuweli baye baguquka.
Usapho lukaLihayi lwaqhubeka nohambo lwalo olwalunzima. UThixo waye wabanceda kwaye wabomeleza. Abantwana baye bazalwa. ULihayi noSarayi baye babanabanye oonyana ababini, ababebizwa ngokuba nguYakobi noYosefu.
Emva kokuhamba entlango iminyaka esibhozo, usapho lukaLihayi lwafika elunxwemeni. Apho lwafumana iziqhamo kunye nobusi. Lwayithiya indawo ngokuba yiNdyebo.