Scripture Stories
Iindawo Zokwaziwa


Iindawo Zokwaziwa

Amanzi kaMormoni

indawo apho u-Alma wayebhaptizela amaNifayithi aguqukileyo awayeshiye uKumkani uNowa

Amoniha

isixeko sabantu abakhohlakeleyo abangazange bammamele u-Alma Omncinci no-Amyuleki

Bhabheli

isixeko sabantu abakhohlakeleyo abakha inqaba bezama ukufika ezulwini

eBhetelehem

isixeko esikufuphi neYerusalem apho uYesu Krestu wazalelwa khona

ilizwe ledinga

naliphi na ilizwe uThixo akhokelela abantu bakhe abachongileyo kulo. Wakhokelela usapho lukaLihayi namaYeredayithi kwilizwe ledinga.

Induli yaseKhumora

indawo apho uMoronayi wangcwaba amacwecwe egolide kwanalapho uJoseph Smith wawafumana khona mva.

Melika

Ilizwe ledinga uThixo wakhokelela usapho lukaLihayi namaYeredayithi kulo

Ndyebo1

indawo apho usapho lukaLihayi lwaluhlala khona emveni kokuhamba entlango iminyaka esibhozo. Ukusuka apha bahamba besiya kwilizwe lesithembiso

Ndyebo2

indawo apho uYesu Krestu wayeze kuyo ngelixa wayetyelele amaNifayithi

Nifayi

isixeko uNifayi nabantu bakhe abasakhayo emva kokushiya uLeymeni noLemuweli kunye nabalandeli babo

Tsidom

ilizwe apho u-Alma Omncinci waseka ibandla khona. Yabalikhaya elitsha labantu abangamalungisa ababeshiye i-Amoniha.

Yershan

umhlaba amaNifayithi awunika abantu baka-Amon

Yerusalem

isixeko apho uLihayi waprofethela abakhohlakeleyo nalapho uYesu Krestu wayefundisa nalapho kwaye wabethelelwa emnqamlezweni

Zarahemla

isixeko esikhulu samaNifayithi esasiliziko loburhulumente kunye nebandla. Ukumkani uMozaya noKumkani uBhenjamin babehlala khona. Isixeko satshiswa ngexesha lokufa kukaYesu.

Shicilela